Grocott's Mail

LICENCE TO WRITE

- HLEZE KUNJU

The past few weeks in our country have been really emotionall­y and physically draining. Protests for free education that led to university buildings going up in flames, police brutality, students getting arrested, rumours that some politician­s are behind all this, the list goes on. The poem is just an expression of all this pain, a prayer for this storm to be over, as well as an open letter to the government to intervene before it’s too late.

Maliduduma Lidlule!

Ngubani na ongasondel’ aze kunqanda? Msholozi, Blade! Kudala sijong’ enkalweni Kodwa nivunguma nje anide niphum’ entweni

Nilinde de kuphalal’ igazi na? Nilinde de kutshabala­l’ amakamva na? Nilinde de kubekhw’ indyikityh­a yokufa na?

Endaweni yokunqanda suka nathelekis­a Nathelekis­a nakugqiba nabukela Suka nathi mazigagane ngokungath­i nakuty’ efileyo.

Kanti ngubani na othunyiwey­o? Ngubani othunywe ukuba aqale olu dushe? Malema neqela lakho kunukwa nina!

Yona imfundo yafele-fele yayithenji­siwe Kwaye lo mfundo yafele-fele sayivotela Kunamhlanj­e lo mfundo abafundi bayayilwel­a!

Ngenxa yalo mfundo abafundi bayavalelw­a! Ngenxa yalo mfundo iidyunives­ithi ziyonakali­swa! Ngenxa yalo mfundo amakamva akhangelek’ emfiliba!

Bayangcung­cuthekisw’ abantwana babantu LAMLA! LAMLA Khongolose kuba bambi baleqwa bengenabho­la! Thina sakubhul’ imililo, sipheph’ iimbokodo zobafundi

Thina sakumana sigxuma xa sisiva ezo zithonga zamapolisa Ewe sakumana siphepha-phepha ezo mbumbulu zamapolisa Ewe sakulilind­a lidudume-lidudume-ligqekreze de lidlule!

NguHlezeKu­nju

 ??  ??

Newspapers in English

Newspapers from South Africa