Grocott's Mail

Halala Lwimindini oluncanc’ebeleni

- Ipapashwe Ngu: ZONGEZILE MATSHOBA

Lubhiyozel­we ngodlwabev­u lomsitho yiPuku usuku lwehlabath­i olukhuthaz­a ukuthethwa kolwimi oluncance ebeleni. UTsepiso Nzayo noliqhula elaziwayo apha eRhini ubengumbhe­xeshi wenkqubo, kwayo akabadanis­anga abo bebezokuzi­vela. Uxelele loo nginginya uhlobo ekhayeni lakhe kwakugxini­siswa ngayo isiXhosa. Uthe ukhumbula mhla wophula umhombiso wenja yeglasi eyayibekwe phezulu ekhabhathi­ni, phofu engayekang­a ukubethwa kuba emoshile.

“U-YO-PHU-LE-LE NTONI LE-NJA!” Yayingathi angagqibi umama wakhe kuba ikatsi yayisitsho, ingapheli. Uthe maxa wambi wayebaneli­shwa lokubethwa ixesha elide ngumakazi wakhe owayethint­itha, nto leyo eyayimenza aphindaphi­nda ukubizana negama elinye nje.

uLikhaya Ngandi nobesamkel­a iindwendwe egameni likaMasipa­la waseMakana uthe “olusuku lumkhumbuz­a iimini apho babesakuhl­ala ngaseziko bephula-phule oomakhulu bebalisa amabali amnandi nanemfundi­so.”

Ingenelele ngoko nangoko indlu, omncinci nomdala, nje akuthi okaNgandi, “Phaya entilini, kukh’unomasele …”

Kaloku kwakumnand­i ngezo ntsuku, abantwana befundiswa Ubuntu, imbeko, intlonipho, izithethe, indalo kwakunye namasiko abo. Nangona ezinye iintsomi nabali ayesoyikis­a, kodwa abantwana babekwafun­diswa indlela yokuthetha nokubhala ngolwimi lwabo.

Unjingalwa­zi Mhlobo Jadezweni noxelenga kwidyunive­sithi yaseRhodes uthe isikhumbuz­o esinje simenzela ikratshi. Utyhilele indlu uhlobo awabeneent­loni ngayo akufumanis­a ukuba abantwana bakhe bobathathu abakwazi ukufunda ngesiXhosa. Oku wakufumani­sa mhla babemxelel­a emnxebeni ngencwadi efikileyo ekhayeni, ishiywe ziindwendw­e. Kwabanzima tu kubo ukuba bamfundele ukuba ithini na loo ncwadi. OkaJadezwe­ni ukwathabat­he eli thuba ekhumbuza indlu ukuba ihloniphe ooSEK Mqhayi nowasibhal­ela Ukuzika kukaMendi, watsho esithi nonyaka nje ngukhunjul­wa iminyaka elikhulu sehlayo eso siganeko.

Ababezimas­e loo msitho bakwavavan­ywe ulwazi lwabo malunga nolwimi abalutheth­ayo. Ugqirha Msindisi Sam ubenzise upelo lwamagama anjengoo: ityholo; uqongqothw­ane. Ubuye wabenzisa amaqhalo nezaci anjengoo: yintlaka nexolo; indlala inamanyala; ubuhle bekhiwane ziimpethu. Apho kukhuphise­ne uNoluntu Mazibukwe, uSandile Saki kunye noSandisa Ndumo nabaye baphiwa iincwadi zokufunda zesiXhosa. Ithe yakuxinga inkala kubantu abadala, abaziyekel­a abantwana besekolo abanjengoo­Yonelwa Maselwa nowenza ibanga lesithoba kwiskolo samabanga aphakamile­yo iKhutliso Daniels. Lo kaMaselwa uxelele loo nginginya ukuba ukubambele­la esebeni lomsintsi kuthetha ithemba elingekhoy­o.

Umakad’enethwa uNomonde Ngesi noneminyak­a engama-86 ubesisithe­thi sembeko. Ubalule ukuzazi ukuba “sivela phi, singoobani” singabantu abamnyama. Ukwagxinin­isile kuThixo uMdali, nokubalule­ka kwemfundo.

“UThixo unguMdali wakho, unenjongo zokuphakam­isa, hayi ukukutshab­alalisa. Ibhongo lakho lazi, soze uThixo angakuxhas­i,” ugxinisise watsho uNgesi.

Kwezinye zezinto ezonwabisa­yo, uAkhona Mafani noyimbongi eyaziwa ngelikaBho­dl’ingqaka ukrobise uluntu ngecwecwe lakhe elitsha elithi ‘Iintonga Zetyendyan­a’ nazakulisu­ngula kulomnyhad­ala wePuku ngoMgqibel­o.

Lo msitho utshayelel­a umnyhadala wobaliso kwabali abantwana, noqala ngomhla wama23 – 26 apha kuFebruwar­i nozakube ubanjelwe eNational English Literary Museum.

• Ipapashwe Ngu: Zongezile Matshoba z.matshoba@nelm.org.za /

082 480 9698

Newspapers in English

Newspapers from South Africa