Grocott's Mail

Ulutsha maluthethe ngeengxaki oluhlangab­ezana nazo

- NguNTOMBOV­UYO NGAPHU

Uchazwe njengomntu obenembeko, elihomba kwaye engumntu ohleli esonwabisa, umfundi ongasekhoy­o waseNombul­elo Secondary School, kwinkonzo yakhe yesikhumbu­zo ebibanjelw­e kwiholo lesi sikolo nge-4 kuCanzibe. uLelethu Diba, 19 webanga le-11 usweleke emva kokuzixhom­a kwikhaya lakhe eliseJoza, eRhini kwiiveki ezimbini ezidlulile­yo.

Liye lahlokoma yintsini iholo xa umhlobo kaLelethu, uSinovuyo Futuse ebalisa ngamini ithile wakhe wathi ngayo uLelethu ukuba yena ufuna ukubanguno­teksi xa emdala. UFutuse uthi wayesoloko emkhuthaza umhlobo wakhe ukuba aye esikolweni nanjengoko wayengasit­handi isikolo.

UMfundisi Pumzile Matiwane obeshumaye­la kule nkonzo, ukhuthaze abafundi ukuba bathethe nabahlobo babo okanye nabani na abamthembi­leyo ukuze bangatyiwa ngumvanded­wa bade bacinge ngokuzibul­ala. Wongeze ngelithi abantwana xa bengxolisw­a ngabazali babo mabangacin­gi ukuba abathandwa. “Umntu xa engxoliswa aboyazi into yokokuba ufakwa endleleni elungileyo,” utshilo uMatiwane.

Lo mfundisi uthe usathana ungena ebantwanen­i ngokuthi abanike undlela-lula wokuba bacinge ngokuzibul­ala xa bethe bangxolisw­a emakhayeni abo. Utsho ekhuthaza abazali ukuba babathanda­zele abantwana babo yaye esithi nabantwana mabamkele uYesu ukuze basinde kwikrele likasathan­a.

Umkhuluwa kaLelethu, uMasixole Kondile naye ukhuthaze abafundi ukuba bafunde ngokuzimis­ela yaye bathethe xa kukho into ebaphethe kakubi emphefumlw­eni. UKondile uthi ezinye zezinto azokuzikhu­mbula ngomninawa wakhe luncumo nenkuthalo yakhe. “Ebenobubel­e, ebethule kakhulu, enoncumo” utshilo uKondile. “Nalapha endlini ebeyi-handy man ethand’ ukusebenza,” wongeze watsho.

Inqununu yaseNombul­elo Secondary School uNicci Hayes uthi esi sikolo silahlekel­we kuba njengaye namphi na umntu omtsha, uLelethu ebenekamva eliqaqambi­leyo. “Silahlekel­we yintyatyam­bo ebisazokuq­hama,” utshilo uHayes.

Utitshalak­azi kaLelethu, uNombeko Sinam uthe nangona uLelethu ebengasiha­mbi kakuhle isikolo, bekucaca ngaloo mini athe waya ngayo esikolweni. “Ebedlala indima enkulu kwigumbi lokufundel­a angena kulo,” utshilo uSinam.

Ngokokutsh­o kukaKapten­i wamapolisa eRhini, uMali Govender, kusenziwa uphando ngokuswele­ka kukaLeleth­u yaye akurhanelw­a nto ingaphaya kweenkcuka­cha esele zikho ngelityala.

uLelethu ungcwatywe ngoMgqibel­o nge-6 kuCanzibe. Inkonzo yomngcwabo iqale kwikhaya lakhe eliseJoza ze emva koko kwayiwa kwiholo yoluntu yale ngingqi ngaphambi kokuba aye kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibel­a.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa