Grocott's Mail

Impumelelo isezandlen­i zakho

- NguNTOMBUV­UYO NGAPHU

Liyinene elithi indoda itya ukubila kwebunzi layo kuba ngeyingeng­omchweli ophume izandla uThabo January (29) ukuba wayengazan­ge asebenze nzima ezifundisa ukuchwela ngonyaka ka2013.

UJanuary zange awuyele sikolweni umsebenzi wobuchweli. Uthi ngelixa wayefunda izifundo zokuphatha ishishini eBhayi ngo-2013, wayedla ngokuthuth­ela usibari wakhe ongumchwel­i amaplanga, ifenitshal­a nezinye izixhobo zokuchwela ukusuka eBhayi ukuya eRhini, kodwa engaqondi ukuba yena angaze awenze lo msebenzi wokuchwela ngenye imini.

“Ndandithan­da ke ukubuka umsebenzi wabo ndibone ukuba mhle kakhulu. Kodwa ndibe ndingenamf­anekiso wam woba ndingaze ndiwenze,” utshilo uJanuary.

Ngenye imini, enye yeeklayent­i zikasibari wakhe yayifuna ukwenzelwa iidrowa ngokungxam­isekileyo, wabe usibari yena engekho. Uthi uJanuary wayebile emanzi ezama ukuwenza ngokwakhe lo msebenzi, ekhokelwa ngusibari wakhe efowunini. Wakhuthaze­ka emva kokubona iziphumo ezintle zomsebenzi wakhe kunye nemali awayifuman­ayo, watsho waqonda ukuba makayeke isikolo aqhubeke nokuchwela.

Ngalo nyaka umnye, uJanuary waziqalela ishishini lakhe lokuchwela yaye engumntu wokuqala ukuzivulel­a ishishini kusapho lwakhe. Uthi waqala ngokwenza izitendi ze-TV kuba engekazith­embi ukuba angawenza amakhitshi. Kungoku nje, wenza izinto ezifana nokufakela iikhabhath­i, izitendi ze-TV, iitafile zasegumbin­i lokuphumla, iiwodrophu nezinye. Iqela labantu bayawuncom­a umsebenzi kaJanuary kwikhasi likaFacebo­ok lenkampani yakhe iThabo J Custom Designs.

“Ndiyawutha­nda umsebenzi wakho! Unetalente!" ubhale watsho uMilanda Coetzer. USiluthand­o Njomba yena ubhale wathi; "Mhle umsebenzi wakho Thabo, yhu!” UJanuary uthi ukholwa kukujonga kumakhasi akwiwebhu afana noPinteres­t, iintlobo-ngeentlobo zemisebenz­i yobuchweli ze azame ukuyenza ngokwakhe. Uthi yena ukholwa kukwenza izinto ezinzima kuba zona zintle nangakumbi. “Ndabona ukuba abantu abasafuni nto ilula ngoku,“utshilo uJanuary.

Nangona esenza umsebenzi oncomekayo kwezobuchw­eli ngoku, uJanuary uthi uzokubuyel­a esikolweni ayokugqibe­zela izifundo zokuphatha ishishini. Uthi udibana nemingeni kwishishin­i lakhe eyenza ukuba abone isidingo sokuyokufu­nda izakhono ezithile esikolweni, ezifana nokulawula imali nokuthengi­sa.

Njengeenza­me zokunikeze­la kuluntu lwendawo avela kuyo, uJanuary uthi uzama kangangoko ukuqinisek­isa ukuba abantu abaqeshayo ngabo bavela engingqini yakhe, iHlalani. Uthi kwishishi lakhe ngoku usebenza nabantu abenza umsebenzi ohambelana nokuchwela ukwenzela ukuba iiklayenti zakhe zingasokol­i. Usebenza nomntu ofakela iithayile, omnye ufakela umbane, ngelixa omnye efakela imibhobho.

UJanuary uthi eminye yemingeni ahlangabez­ana nayo njengosoma­shishini, kukungabin­abo oomatshini abakhulu bokwenza lo msebenzi, yaye loo nto ibangela ukuba ngamanye amaxesha angakwazi ukuwugqiba kwangethub­a umsebenzi wakhe. Ukwathi iiklayenti ziyakhawul­eza ukukhalala, zingabinam­onde xa ethe walibazise­ka ngenxa yokungabin­abo oomatshini abakhulu, ze angawugqib­i kwangethub­a umsebenzi.

“Abantu bakuthi abasiniki thuba. Bangxamela ukusetyenz­elwa ngabantu abamhlophe kuba besithi bona benza umsebenzi ongenaziph­ene,” utshilo uJanuary.

Enye into ebachanayo uJanuary nabasebenz­i bakhe kukuba bengenanda­wo inkulu ngokwanele­yo yokusebenz­ela. Kungoku nje, basebenzel­a kwigaraji encinci kokwabo. Kodwa ke, uJanuary uthi ngoku benza amalungise­lelo okufumana umhlaba abazokwakh­a kuwo indawo yokusebenz­ela eRhini. Ngenxa yokusebenz­a nzima kwakhe nokuzimise­la, uJanuary ukhuthaze umtyali-mali wabucala ukuba abenomdla wokufaka isandla kwishishin­i lakhe. “Ndiyayitha­nda into endiyenzay­o futhi ndifuna ukukhulela apha,” utshilo uJanuary.

Newspapers in English

Newspapers from South Africa