Impumelelo isezandleni zakho
Liyinene elithi indoda itya ukubila kwebunzi layo kuba ngeyingengomchweli ophume izandla uThabo January (29) ukuba wayengazange asebenze nzima ezifundisa ukuchwela ngonyaka ka2013.
UJanuary zange awuyele sikolweni umsebenzi wobuchweli. Uthi ngelixa wayefunda izifundo zokuphatha ishishini eBhayi ngo-2013, wayedla ngokuthuthela usibari wakhe ongumchweli amaplanga, ifenitshala nezinye izixhobo zokuchwela ukusuka eBhayi ukuya eRhini, kodwa engaqondi ukuba yena angaze awenze lo msebenzi wokuchwela ngenye imini.
“Ndandithanda ke ukubuka umsebenzi wabo ndibone ukuba mhle kakhulu. Kodwa ndibe ndingenamfanekiso wam woba ndingaze ndiwenze,” utshilo uJanuary.
Ngenye imini, enye yeeklayenti zikasibari wakhe yayifuna ukwenzelwa iidrowa ngokungxamisekileyo, wabe usibari yena engekho. Uthi uJanuary wayebile emanzi ezama ukuwenza ngokwakhe lo msebenzi, ekhokelwa ngusibari wakhe efowunini. Wakhuthazeka emva kokubona iziphumo ezintle zomsebenzi wakhe kunye nemali awayifumanayo, watsho waqonda ukuba makayeke isikolo aqhubeke nokuchwela.
Ngalo nyaka umnye, uJanuary waziqalela ishishini lakhe lokuchwela yaye engumntu wokuqala ukuzivulela ishishini kusapho lwakhe. Uthi waqala ngokwenza izitendi ze-TV kuba engekazithembi ukuba angawenza amakhitshi. Kungoku nje, wenza izinto ezifana nokufakela iikhabhathi, izitendi ze-TV, iitafile zasegumbini lokuphumla, iiwodrophu nezinye. Iqela labantu bayawuncoma umsebenzi kaJanuary kwikhasi likaFacebook lenkampani yakhe iThabo J Custom Designs.
“Ndiyawuthanda umsebenzi wakho! Unetalente!" ubhale watsho uMilanda Coetzer. USiluthando Njomba yena ubhale wathi; "Mhle umsebenzi wakho Thabo, yhu!” UJanuary uthi ukholwa kukujonga kumakhasi akwiwebhu afana noPinterest, iintlobo-ngeentlobo zemisebenzi yobuchweli ze azame ukuyenza ngokwakhe. Uthi yena ukholwa kukwenza izinto ezinzima kuba zona zintle nangakumbi. “Ndabona ukuba abantu abasafuni nto ilula ngoku,“utshilo uJanuary.
Nangona esenza umsebenzi oncomekayo kwezobuchweli ngoku, uJanuary uthi uzokubuyela esikolweni ayokugqibezela izifundo zokuphatha ishishini. Uthi udibana nemingeni kwishishini lakhe eyenza ukuba abone isidingo sokuyokufunda izakhono ezithile esikolweni, ezifana nokulawula imali nokuthengisa.
Njengeenzame zokunikezela kuluntu lwendawo avela kuyo, uJanuary uthi uzama kangangoko ukuqinisekisa ukuba abantu abaqeshayo ngabo bavela engingqini yakhe, iHlalani. Uthi kwishishi lakhe ngoku usebenza nabantu abenza umsebenzi ohambelana nokuchwela ukwenzela ukuba iiklayenti zakhe zingasokoli. Usebenza nomntu ofakela iithayile, omnye ufakela umbane, ngelixa omnye efakela imibhobho.
UJanuary uthi eminye yemingeni ahlangabezana nayo njengosomashishini, kukungabinabo oomatshini abakhulu bokwenza lo msebenzi, yaye loo nto ibangela ukuba ngamanye amaxesha angakwazi ukuwugqiba kwangethuba umsebenzi wakhe. Ukwathi iiklayenti ziyakhawuleza ukukhalala, zingabinamonde xa ethe walibaziseka ngenxa yokungabinabo oomatshini abakhulu, ze angawugqibi kwangethuba umsebenzi.
“Abantu bakuthi abasiniki thuba. Bangxamela ukusetyenzelwa ngabantu abamhlophe kuba besithi bona benza umsebenzi ongenaziphene,” utshilo uJanuary.
Enye into ebachanayo uJanuary nabasebenzi bakhe kukuba bengenandawo inkulu ngokwaneleyo yokusebenzela. Kungoku nje, basebenzela kwigaraji encinci kokwabo. Kodwa ke, uJanuary uthi ngoku benza amalungiselelo okufumana umhlaba abazokwakha kuwo indawo yokusebenzela eRhini. Ngenxa yokusebenza nzima kwakhe nokuzimisela, uJanuary ukhuthaze umtyali-mali wabucala ukuba abenomdla wokufaka isandla kwishishini lakhe. “Ndiyayithanda into endiyenzayo futhi ndifuna ukukhulela apha,” utshilo uJanuary.