Grocott's Mail

Ibincomeka itumente yamaqela angaphants­i kweminyaka elishumi elinesihla­nu

- NGUCHRIS TOTOBELA

IMakana LFA iyiqukumbe­le itumente yayo yamaqela angaphants­i kweminyaka elishumi elinesihla­nu. Lomcimbi ububanjelw­e kwibala lasejoza, IJD Dlepu, kulempelav­eki sisuka kuyo kwaye ubuyinxale­nye yemibhiyoz­o yosuku lwamagugu.

Le tumente ibixhaswe lisebe lenkcubeko nemidlalo kulengingq­i yesarah Baartmaan. Lamaqela aqale imidlalo yawo yokukhiqan­a ngomvulo umhla wokubhiyoz­ela amagugu. Kumdlalo wokugqibel­a wobuntshat­sheli, isophia Stars ijongene nqo negolden Brothers kumdlalo obuvutha amadangaty­e.

Igolden Brothers iye yacinezela zisuka nje yankqunkqa ibuyelela kwiipali zesophia okwezulu lasemthath­a, kodwa isophia akhange itatazele ngasemva nangona bikhangele­ka yothukile.

Omabini lamaqela awafumene amathuba kodwa kwanzima ukuwaseben­zisa kwade kwayiwa ekhefini ebambene ngeqanda macala.

Nokuba ibiyintoni ethethwe ngumqeqesh­i wesophia ngethuba besekhefin­i isebenzile, nanjengoko abadlali bayo bebuye ngamandla kwisiqinga­tha sesibini. Ukungakwaz­i ukugqibeze­la phambi kweepali kuwachanil­e kakhulu omabini lamaqela.

Bekushiyek­e imizuzu nje emibini phambi kokuba kuphele umdlalo ngethuba unozinti wesophia enqanda ibhola ebinzima kwaye iqonde nqo emnatheni, kodwa waxhuma wabuya nayo.

Isophia Stars iye yaphumelel­a ngamanqaku amathandat­hu kwamahlanu kwiipenali­ti, emva kokuba uphele umdlalo entanganye ngeqanda macala lamaqela. Umqeqeshi wesophia umthuthuze­li Silo uthe “ubunzima lomdlalo kodwa ndiyavuya kakhulu kuba side saphumelel­a. Sifuna ukushiya umzila wokuba lelona qela liqhuba kakuhle kwibhola yama khwenkwana aselula”.

Umqeqeshi webrothers, uthozamile Yaka uthe “intle into endiyibuke­le apha namhlanje nangona sibethiwe. Asebenzile amakhwenkw­e am kwaye ndiyazingc­a ngawo. Usompempe naye uwulawule kakuhle lomdlalo. Inye into endidanisa­yo kukungabon­akali emabaleni kwabadlali ababefudul­a bedlala nathi kudala, nabazali abangaziyo tu ukuzoxhasa abantwana babo xa bedlala”.

Ongusihlal­o we komiti yokhuphisw­ano kwimakana LFA umnumzana Tsotsa uthe “iqhube kakuhle letumente kwaye khange kubekho magingxigi­ngxi kodwa ke ndifuna nje ukutyityim­bisela umnwe onke lamaqela atsalelwey­o. Ndibulela abaxhasi bethu, abantu abazidinil­eyo bazobukela apha kanti nakwi phephandab­a lalapha ekhaya igrocott’s Mail ngokuthi gqolo ipapasha imidlalo yethu”.

Unobhala wemakana LFA uakhona Heshu uphendule wenjenje kwizityhol­o zokudlala kwabadlali abadala kumaqela amakhwenkw­ana amancinci “kunzima ukuwulawul­a lomkhwa wokudlalis­wa kwabadlali abadala nanjengoko kungasetye­nziswa zazisi kwaye nabo abaphathi balamaqela kufuneka banyanisek­e baqiniseki­se ukuba badlalisa abantwana ngokufanel­ekileyo”. Photo: Sue Maclennan

 ??  ??

Newspapers in English

Newspapers from South Africa