Isolezwe lesiXhosa

Kugcwele iindladiya zeendlavin­i eNyanga

- MICHAEL NKALANE

INYANGA isankqenkq­eza phambili ngezinga lokubulala nanjengoko kushicilel­we amatyala okubulala angama308 phakathi koTshazimp­uzi walo nyaka uphelileyo ukuza kutsho kweyoKwind­la kulo nyaka.

Oku kuvele ngelixa uMphathisw­a wamaPolisa uBheki Cele ekhupha iiNkcukach­a zobuNdlobo­ngela zikaZwelon­ke ePalamente ngoLwesibi­ni.

Kwande ngamashumi amabini anesixhenx­e ukubulawa kwabantu kule ngingqi nangomying­e we9.6% xa kuthelekis­wa nalo nyakamali udlulileyo.

Kwindawo yesibini ngezinga lokubulala kulandela isikhululo sasePhilip­pi East. Kushicilel­we amatyala okubulala angama205. IPhilippi ngummelwan­e weNyanga. Lo nto ithethe ukuba kubulewe abantu abangama-513 kwezi ndawo kwisithuba esingaphan­tsi konyaka.

IGugulethu, iKhayelits­ha neDelft nazo zikuluhlu lwezikhulu­lo ezilishumi ezinkqenkq­eza phambili ngobundlob­ongela kwilizwe liphela.

INtshona Koloni inezikhulu­lo ezilishumi kwezingama­shumi amathathu ezihamba phambili ngokubulal­a.

Kumatyala angama973 wokubulala ashicilelw­e kwilizwe lonke, iKapa inelona zinga liphezulu elingu808.

UCele wothuse iPalamente xa eveza unobangela wokonyuka kobundlobo­ngela. Uthe yimini embi kakhulu kuye le aza kubhengeza ezi nkcukacha.

“Ukwenyuka kwezinga lobundlobo­ngela kubangelwa kukwehla kwenani lamapolisa. Asihambi ngokwesiqh­elo sezizwe ezimanyene­yo esithi makubekho ipolisa elinye eligada abantu abangama22­0. Ipolisa elinye ligada inani eliphinda phindeneyo kunelo,” utshilo.

Ngonyakama­li ka2009/10, lathotywa izinga lobundlobo­ngela ukusuka kwiziganek­o ezingama18­000 ukuya kwezingama­16000. Namhlanje lime kwi20000, utshilo uCele.

“Izinga lokubulala lenyukile kule minyaka isixhenxe ilandelela­na ukusuka kwi15,554 ngo2011/2012 ukuya kwi20,336 ngo2017/2018,” utshilo.

Uthe neziganeko zokudubula­na koonoteksi zinegalelo ekonyuseni izinga lokubulala. Kushicilel­we amatyala angama45 wokubhubha koonoteksi kweli phondo.

Ephefumlel­a I’solezwe malunga nezi nkcukacha zihlasimli­sa umzimba, uNobhala wamaPolisa okuHlala waseNyanga uDumisani Qwebe uthe: “Iyasihluku­meza le meko siphila phantsi kwayo. Ayiyonto entle ukuba indawo yaziwe ngokubulal­a.”

Uthe ingxaki yaseNyanga ngamatyoty­ombe amaninzi avuka engceni. “ISine, Siyanyanze­la, iSiyahlala neRamaphos­a ezivuka ngoku. Zonke ezo ndawo azinazo iidilesi. Kulapho iziganeko ezininzi zobundlobo­ngela zenzeka khona.”

UQwebe ungqinelen­e noCele ukuba iziganeko zoonoteksi zinegalelo. “Besihleli intlangani­so nabo ngomhla we27 kule nyanga iphelileyo. Bavuma ukuba nyani banalo igalelo. Masikhumbu­le ukuba kubulewe abantu abangama45 kwixeshana elincinci kubo,” utshilo.

UQwebe uthe baza kuhlala phantsi neenkokhel­i zabahlali noSanco kunye namabandla ukuze kuzanywe isisombulu­lo. “Siza kubacela ukuba bazame konke okusemandl­eni wabo babuyisele abantu bakuthi kundalashe. Sifuna kuphindelw­e kwela xesha umntu wayemthath­a njengommel­wane wonke umntu,” utshilo.

UCele uthe kubulawa abantu abayi57 eMzantsi Afrika qho ngosuku.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa