Isolezwe lesiXhosa

Indlala ibenza babeke ubomi babo esichengen­i

- ABONGILE GINYA

INDLALA nentswelan­gqesho zezona zinto zidala ukuba xa usoloko udlula phakathi kwedolophu yaseDutywa kuhola wendlela uN2 usingise eMthatha, ubone isicuku sobugoxo obudala beentsimbi ezindala kube ngapha kwazo kuthe ngcu igcuntswan­a lamakhosik­azi ombethe iingubo.

I’solezwe lesiXhosa lincokole namakhosik­azi amabini elidlule ecambalele ngapha kweentsimb­i zabo kwabe kugqutha nomoya, kubanda, begade iloli enokuthi gqi ibakhwelis­e ukulayisha iintsimbi zabo bezisa eThekwini apho bazitshint­shisa khona ukuze bafumane imali.

La makhosikaz­i athi ayakwazi nokuchitha ubusuku bonke ngasendlel­eni begade iloli enokuthi gqi ibakhwelis­e.

UNonzwakaz­i Mndende (46) ongenamyen­i ojongene nabantwana abasibhozo, uthi ukuncama ubomi bakhe emvuleni nasengqele­ni, alale phandle, yindlela yokunceda abantwana bakhe nanjengoko engaphange­li kwaye engenamyen­i.

“Andinamntu uphangelay­o ndinabantw­ana abane kwakunye nabazukulw­ana abane, ngoku sonke eso sibhozo sijonge kum. Awukho lula tu lo siwenzayo umsebenzi unobungozi kuba sikhwela kubantu esingabazi­yo. Kwaye nakwezilol­i asizikhwel­i simahla siyabhatal­a nangona iye isophulele.

La makhosikaz­i ezi ntsimbi zindala baye baziqokele­le elalini bakugqiba baphinde baqashe nemoto ngemali ebabekela endleleni apho balinda khona iloli enokuthi ivele ebheka ngaseThekw­ini. Ezi ntsimbi bazithengi­sa kwindawo yakwaStall­ion kwakunye nakwaRecla­im eThekwini.

Noxa nje bencama konke, aba mama bakwathe banoloyiko lokuxhapha­zeka xa bekhwele kwezi loli bangazaziy­o.

Kodwa bathi okuncedayo kukuba nihambe nibabini nangaphezu­lu, ungakhweli uwedwa ukuya eThekwini.

UMaMbathan­e ongumama wabantwana abahlanu, kubo kukho nofunda kwiYunives­ithi iWalter Sisulu, abathathu bakumabang­a aphezulu.

Uthi naye lo useWSU uxhomekeke kuye ngale mali ayenza ngeentsimb­i. La makhosikaz­i athi noko xa unomthamo othe xaxe ezintsimbi­ni kuye kubhaqeke noko iisenti akufani nokuhlala.

“Kukungabin­amntu uphangelay­o kungoko ndincame ukunethwa ziimvula namalanga kule ndlela ndizamela iintsana zam,” utshilo uMaMbathan­e.

Aba bazali bathi ukuba urhulument­e angazisa iiprojekth­i ezinokuthi zidale amathuba engqesho bangawuyek­a umsebenzi wokuchola iintsimbi.

Oku sikwenza kuba singenaban­tu basiphange­lelayo kwaye sinabantwa­na esibafundi­sayo kuba sifuna babenekamv­a eliqaqambi­leyo bangafani nathi,” utshilo uMndende.

Umngeni abawufuman­ayo aba mama ngowokuba amapolisa kutshanje abagqugqis­ile esithi mabasuke endleleni bafumane isiqinisek­iso. Bathi abanawo amaphepha namakhadi ebhanki.

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? UMambathan­e noNonzwaka­zi Mndende kufuphi naseDutywa abathengis­a iinsimbi eThekwini
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE UMambathan­e noNonzwaka­zi Mndende kufuphi naseDutywa abathengis­a iinsimbi eThekwini

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa