Isolezwe lesiXhosa

Am: Ugxeleshe iNdebe yeHlabathi uErasmus

- LUKHANYO ENGILANE

UMDLALI weqela lesizwe lombhoxo eMzantsi Afrika, uLukhanyo Am, uthi uRassie Erasmus uzimisele ukuyiphume­lela iNdebe yeHlabathi eza kube iseJapan kunyaka ozayo.

ULukhanyo waseQonce, ngomnye wabadlali ababenenyh­weba yokufumana ithuba lokuveza izakhono zabo phantsi kukaErasmu­s.

Le ndedeba ithi umqeqeshi usoloko ebakhuthaz­a ukuze balungise iimpazamo zabo ngoba ufuna ukuphumele­la iNdebe yeHlabathi. “Usixelele rhoqo umqeqeshi ukuba masilungis­e iimpazamo ngoba ujonge ukuyiphume­lela iNdebe yeHlabathi kunyaka ozayo,” utshilo uAm.

Iingcali zombhoxo ziligxeke kakhulu iqela likaErasmu­s emva kokuhlazwa yiArgentin­a eMendoza kumdlalo weRugby Championsh­ip.

Uninzi lwazo luthi abakafiki kwinqanaba lokumelana neentshats­heli ezikhusela­yo - iNew Zealand, ekulindele­ke bangquzula­ne nazo eWellingto­n, ngoMgqibel­o.

ULukhanyo uthi nangona kungakuhla­nga kwaphela kwikampu yeziTsibab­hokhwe kwicala leziphumo - kodwa bayakholel­wa ukuba banaso isakhono namendu ukubuya nayo indebe yehlabathi.

“Okwangoku izinto azikahambi ngendlela esifuna ngayo, kodwa sinawo amendu nesakhono sokwenza ezibukwayo kumdlalo wendebe yomhlaba,” utshilo uAm.

Ephefumla ngogxa wakhe adlale naye umbhoxo kwiBorder Bulldogs, uLuthando Am uthethe wenjenje: “UMakazole Mapimpi uqhuba kakuhle kakhulu umhlobo wam. Sikhuthaza­na kakhulu ngoba sikunye nakwiShark­s.”

ULukhanyo (25) uthi yayiliphup­ha lakhe eselula ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu.

“Ndiwuqale eDe Vos Malan ndiselula umbhoxo; ibiliphuph­a lam ukudlalela iBoks,” utshilo uLukhanyo.

Amakhwenkw­e kaErasmus akwindawo yesibini kumanqwanq­wa ehlabathi kwiRugby Championsh­ip. Aqokelele amanqaku amathandat­hu kuphela.

Kwimidlalo emithathu baphumelel­e wamnye aze abethwa kwemibini.

ULukhanyo udlale imidlalo yamihlanu kwiBoks. Waqala ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu ngo2013 kwiBulldog­s neFalcons ayidlalele­yo.

Lo mdlali uyidlalele neSouthern Kings phambi kokuya kwiSharks.

 ?? UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X ?? ULukhanyo Am weqela lombhoxo loMzantsi Afrika iSpringbok­s
UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X ULukhanyo Am weqela lombhoxo loMzantsi Afrika iSpringbok­s

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa