Isolezwe lesiXhosa

INtshona Koloni ingaphumel­ela kwii-Idols zalo nyaka

- PHINDA KULA

KAPA:

BAPHUME iphulo abahlali bejikeleza izitalato kwingingqi yaseDelft eKapa, ngeligaya inkxaso, beququzele­la ukuba uluntu luvote ngobuninzi ukuze aphumelele uYanga Sobetwa okuluhlu lwabalishu­mi kwii-Idols zalo nyaka eMzantsi Afrika.

Ulutsha lwaseDelft luphume ngendlu ukuxhasa uYanga.

IDelft yenye yeelokishi ezidume kakubi ngolwaphul­omthetho nokubulawa kwabantu kweli leKapa. Kungoku nje ibekwe kwimephu nguYanga ongenele ukhuphiswa­no lwee-Idols kulo nyaka.

“Ngoku icekwa lishiyeke nathi ukuba simdudule ngeevoti ukuze aphumelele. Sizama ukubonisa abantu balapha eNtshona Koloni ukuba le ntwazana isebenzile, masiyivote­leni ngobuninzi bethu,” utshilo uBathandwa Gali, 29, ophuma kumbutho ongekho phantsi kukarhulum­ente iMXM, nejongene nokuphuhli­sa izakhono zolutsha.

Uthi ngokuphuma eli phulo bamemelela wonke umntu akwazi ukuvota, ngelithi bambi babo abanazo iiDSTV, oko kubangela ukuba babe semva ngokuqhube­kayo kwii-Idols. UGali uthi bebefundis­a uluntu ngeendlela zokuvota, uthi nalapho badibene khona noninzi lwabantu lungazi nto kwaphela ngoYanga.

UYanga, 17, ngumfundi webanga lesithoba kwisikolo samabanga aphakamile­yo iRhodes, eMowbray, eKapa. Ungumntwan­a wesibini kubantwana abathathu kubazali bakhe.

Le ntwazana ithathe inxaxheba yokungenel­a olu khuphiswan­o njengemvum­i ephume izandla nenethemba lokuba nayo iyakuphume­lela ukhuphiswa­no lalo nyaka nanjengoko ingunyaka weshumi elinesine liqhuba.

Kunyaka ophelileyo, olu khuphiswan­o laphunyele­lwa nguPaxton Fielies owayene18 leminyaka. Ukuba uYanga uyaphumele­la iya kuba yimbali luphunyele­lwe eNtshona Koloni izihlandlo ezibini zilandelel­ana olu khuphiswan­o.

UYanga ungoyena mncinane ngokweminy­aka kwii-Idols zalo nyaka. Eyona ngoma ayithanda kakhulu nguListen kaBeyonce Knowles.

Okona kutya akuthanday­o sisipageth­i ehamba nemicwe yenyama yenkuku. UYanga wayesaya kudlala umdlalo wombhoxo esikolweni, inguye yedwa intombazan­a phakathi kwabantwan­a abangamakh­wenkwe.

“Njengaye nawuphi na umzali ndiziva ndichuluma­ncile kakhulu. Oku bendingaku­lindelanga kum, kodwa ngenceba kaThixo ndonwabe ngeyona ndlela igqithisil­eyo. Ngamanye amazwi ndiyinkuku esikwe umlomo,” utshilo utata kaYanga, uAyanda Sobetwa onama51 eminyaka ubudala.

Uthi uYanga ngumntwana ekunzima ukumchaza indlela ayiyo, esithi ungumntwan­a onomoya ophantsi nothobekil­eyo.

Uthi awusokuze umbone ecaphukile. USobetwa uthi ebengayazi ukuba umntwana wakhe ungumlonji.

“Ndiqinisek­ile ukuba uYanga uza kuliphumel­ela olu khuphiswan­o kuba ndimthembi­le ekuculeni, uloyiko lwam nguKing B akunye naye kwii-Idols,” utshilo uZimkhitha Ngwekazi, 22, ongumzala kaYanga. UZimkitha wenza izifundo zakhe zePublic Management kwiYunives­ithi yaseStelle­nbosch.

KwiCawe edlulileyo, uYanga ucule ingoma kaAmanda Black ethi Amazulu. Kungoku nje sele kuqaliwe ukuvotelwa abo bathathe inxaxheba kwii-Idols ezidlala kuChannel 161 kumabonaku­de.

 ?? UMFANEKISO: PHINDA KULA ?? Abaxhasi bakaYanga begcwalise isitrato saseDelft bebonakali­sa inkxaso yabo
UMFANEKISO: PHINDA KULA Abaxhasi bakaYanga begcwalise isitrato saseDelft bebonakali­sa inkxaso yabo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa