Isolezwe lesiXhosa

UNeyi Zimu ukhuthaza ukuzithemb­a nokuzimela ngengoma

- ABONGILE GINYA

IMVUMI yomculo weGospile ekwanguye noMfundisi ophuma eVaal eRhawutini, uGcinumzi, nowaziwa ngelikaNey­i Zimu kwezomculo beseMpuma Koloni ebhiyozela icwecwe lakhe elitsha lesixhenxe elithi ‘Another Level of Worship’.

Eli cwecwe, neliphume kweyoKwind­la kulo nyaka, lineengoma ezilishumi elinesihla­nu.

UNeyi Zimu uthi kula mahlanu amacwecwe usokole kakhulu kuba ebezenzela ngokwakhe, akugqiba azithengis­elele ngokwakhe ezitalatwe­ni, kodwa eli litsha liyafumane­ka ezivenkile­ni. Uthi kwelidluli­leyo elithi “The Waiting is Over” uye wabona imimangali­so uthengwa umculo wakhe.

UNeyi Zimu eyona ngoma ayithanda kakhulu kweli icwecwe litsha yethi “uJesu Unamandla” kodwa abantu ubakhuthaz­a ukuba bamamele eyesine ethi “Victorious”.

Ukhuthaze abantu abatsha beli loMzantsi Afrika ukuba ithemba bangalilah­li nokuba imeko injani.

Uthe bonke abantu abatsha banayo imingeni abajongene nayo kule mihla siphila kuyo, kodwa ukuthemba uThixo ngundoqo.

Uthi mabasebenz­ele ukuzenzela nokuzimela futhi babenezakh­ono. Uthi abantu abatsha ubakhuthaz­a ngengoma yesithanda­thu kweli cwecwe lakhe ethi “Jehova Retshepile Wena”.

UNeyi Zimu uthi nokuba kunzima kangakanan­i kweli xesha siphila kulo mabahlale bebambelel­e kwaye benethemba lokuba izinto ziza kuthi zitshintsh­e.

Uthi mabasebenz­ele ukuziphuhl­isa bohlukane nezinto ezigwenxa ebomini.

 ??  ?? NEY ZIMU
NEY ZIMU

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa