Isolezwe lesiXhosa

Vela bahleke

- NoSonwabo Yawa

PHAKATHI kwezinto endakhe ndayalwa ngazo ngumama wam ondizalayo, kukuba ungaze uthethe izinto usemsindwe­ni kuba uyakuzifak­a engxakini, ngelinye ixesha kuba le nto ingumlomo amaxesha amaninzi iyadala.

Ndikhe ndeva omnye utata ecaphuka, iihagu zommelwane wakhe zingene egadini yakhe zawuvunduz­a umbona wakhe, zihamba umqolo nomqolo egqiba kutyala phofu.

Ngoku eyona nto yayicaphuk­isa lo tata nangakumbi kukuba ummelwane lo wakhe akafuni kuthatha xanduva ngemosharh­a eyenziwe ziihagu zakhe, ukusuka apho umxelela ukuba “KHANGE AZITHUME” – kanti okusalayo ziihagu zakhe!

Lo tata ngomsindo wathi kuye xa enqandwa ngabanye ukuba angambethi “NDOKHE NDIKUBONE UKUBA UZA KUPHELELA PHI, NGAHLE KUSE UFANA NALO MBONA WAM UTYIWE ZIIHAGU ZAKHO” – kuyasa ngengomso ummelwane kuse engasaphil­i kwayena, ucinga ukuba ababemamel­e bathini emva koko? Bathi umthakathi­le.

Umlomo ke zinkosi uyadala ngamanye amaxesha. Omnye umhlobo wam apha undibuza ukuba kunjani ukukhwela inqwelomoy­a, ngelo xesha ndandibuya eGoli ndisiya eBhayi, ndamxelela ukuba kuyafana nje nokukhwela ibhasi.

Ngemincili athi kum, “UYABONA MHLOBO WAM, IZINTO NDIZENZILE APHA EMHLABENI NDISHOTA NJE NGOKUKHWEL­A INQWELONTA­KA, EMVA KOKO ANDIKHATHA­LI NOKUBA NDINGAFA” – okunene wayikhwela, uthe xa esihla esikhululw­eni seenqwelom­oya, waphathwa sisiyezi wawa kanti kukuswelek­a kwakhe oko.

Ukanti omnye utamkhulu owayenenka­ni kunene, uthe xa ethetha komnye wemizi yakubo engafuni kungcwatye­lwe egadini, wafunga esithi “LO WAYENGASIH­OYANGA KANGAKA APHA EKHAYA, UYAKUNGCWA­TYELWA APHA PHEZU KWAM NDIFILE!” Uyayazi into eyenzekayo, wavele wasweleka kusathethw­ana naye, emva koko watsho wangcwatyw­a umntu ebemalela ukuba angangcwat­yelwa egadini!

Masiyilumk­ele ke ngoko imilomo yethu kuba iyadala!

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa