Vela bahleke
PHAKATHI kwezinto endakhe ndayalwa ngazo ngumama wam ondizalayo, kukuba ungaze uthethe izinto usemsindweni kuba uyakuzifaka engxakini, ngelinye ixesha kuba le nto ingumlomo amaxesha amaninzi iyadala.
Ndikhe ndeva omnye utata ecaphuka, iihagu zommelwane wakhe zingene egadini yakhe zawuvunduza umbona wakhe, zihamba umqolo nomqolo egqiba kutyala phofu.
Ngoku eyona nto yayicaphukisa lo tata nangakumbi kukuba ummelwane lo wakhe akafuni kuthatha xanduva ngemosharha eyenziwe ziihagu zakhe, ukusuka apho umxelela ukuba “KHANGE AZITHUME” – kanti okusalayo ziihagu zakhe!
Lo tata ngomsindo wathi kuye xa enqandwa ngabanye ukuba angambethi “NDOKHE NDIKUBONE UKUBA UZA KUPHELELA PHI, NGAHLE KUSE UFANA NALO MBONA WAM UTYIWE ZIIHAGU ZAKHO” – kuyasa ngengomso ummelwane kuse engasaphili kwayena, ucinga ukuba ababemamele bathini emva koko? Bathi umthakathile.
Umlomo ke zinkosi uyadala ngamanye amaxesha. Omnye umhlobo wam apha undibuza ukuba kunjani ukukhwela inqwelomoya, ngelo xesha ndandibuya eGoli ndisiya eBhayi, ndamxelela ukuba kuyafana nje nokukhwela ibhasi.
Ngemincili athi kum, “UYABONA MHLOBO WAM, IZINTO NDIZENZILE APHA EMHLABENI NDISHOTA NJE NGOKUKHWELA INQWELONTAKA, EMVA KOKO ANDIKHATHALI NOKUBA NDINGAFA” – okunene wayikhwela, uthe xa esihla esikhululweni seenqwelomoya, waphathwa sisiyezi wawa kanti kukusweleka kwakhe oko.
Ukanti omnye utamkhulu owayenenkani kunene, uthe xa ethetha komnye wemizi yakubo engafuni kungcwatyelwe egadini, wafunga esithi “LO WAYENGASIHOYANGA KANGAKA APHA EKHAYA, UYAKUNGCWATYELWA APHA PHEZU KWAM NDIFILE!” Uyayazi into eyenzekayo, wavele wasweleka kusathethwana naye, emva koko watsho wangcwatywa umntu ebemalela ukuba angangcwatyelwa egadini!
Masiyilumkele ke ngoko imilomo yethu kuba iyadala!