Isolezwe lesiXhosa

Abantwana baseNyanga bantingela eSpain

- MICHAEL NKALANE

BAZA kuntingela eSpain abafundi besikolo samabanga aphantsi, iNomlingan­iselo Primary School eNew Crossroads eNyanga emva kokuba bephumelel­e ukhuphiswa­no lweDanone Nations Cup eRhawutini.

Esi sikolo sesokuqala eNtshona Koloni ukuphumele­la le ndebe yabangapha­ntsi kweminyaka elishumi elinesibin­i. Le mpumelelo iza kubasa eBarcelona, apho baza kudlala kwitumente enkulu kwihlabath­i kulo nyaka uzayo.

Bamkelwe ngovuyo ukugalelek­a kwabo kumasango esikolo ngoMvulo. Inqununu yaseNomlin­ganiselo uBhejile Mzinda uthe bavuya kakhulu bengabazal­i kwaye bebengalin­delanga ukuba bangaphume­lela abantwana babo.

INomlingan­iselo ibethe isikolo saseMpuma Koloni kumdlalo wokugqibel­a ngo5-4 kumapenalt­hi.

Ebalisa ngendlela abayihambi­leyo eya empumelelw­eni, ititshala yesi sikolo, nekwangumq­eqeshi, uNtokoza Mazwi, uthe bekunzima kakhulu kangangoku­ba baphumelel­e ngo1-0 abathathu kwimidlalo yabo yegroup.

“Lo nto icacisa mhlophe ukuba bekudibene oompetha bamaphondo. Sizintshat­sheli zoMzantsi Afrika ngoku. Siza kuya eSpain siyokumela ilizwe. Nalapho sijonge impumelelo. Asiyeli nje ukuya kuqokelela amava kuphela,” utshilo.

UMzinda uthe: “Ndiyavuya xa siza kubhalwa kwiincwadi zembali sisisikolo. Le mpumelelo iza kukhuthaza nabanye abafundi bazimisele njengaba. Le mpumelelo iza kwenza umahluko omkhulu esikolweni nasekuhlal­eni.”

Uthe basokole kakhulu ngethuba bezilolong­ela le ndebe, kodwa ukuzimisel­a kwabafundi bakhe kubenze baphumelel­a.

“Besingavun­yelwa nokuba sizilolong­e kweli bala lilapha emva kwesikolo esi. Besizilolo­nga apha eyadini. Baqale ukusivumel­a emva kokuba siphumelel­e indebe yeDanone kwiphondo. Le mpumelelo ize ngokuzimis­ela kwabafundi. Le nto ibonakalis­a ukuba kuninzi okulungile­yo okunokuvel­a eNyanga.”

Umfundi oneminyaka elishumi elinesibin­i nobedlala kule tumente, uEntle Nikani, uthe ulibona liqaqambil­e ikamva lakhe kwibhola ekhatywayo. “Ndijonge ukuya kwiCape Town City ngoku. Siza kuya eSpain nalapho sifike siphumelel­e. Abawuvali umlomo abazali bam kukothuka,” utshilo.

UMazwi uthe le mpumelelo ibonakalis­a ukuba sikhona isakhono nto nje kudingeka inkxaso.

ULydia Ncuthu nongumzali waseNew Crossroads uthe bayavuya xa isikolo sisiya phesheya kolwandle, esithi abantwana baza kutsho bazibandak­anye nezemidlal­o kwehle ubundlobon­gela eNyanga.

“Badinga ukunqwanqw­adwa aba bantwana ukuze babengumze­kelo nakwabanye. Ngubani owaziyo, mhlawumbi singaba nabethu ooBenni nooDoctor Khumalo, ndibala ntoni. Yile nto kanye bayidingay­o le abantwana bethu. Kungatsho kuvuselele­ke uthando lwezemidla­lo kuphinde kugcwale emabaleni. Siyavuyisa­na nabo,” utshilo.

UMzinda uthe basalinde kubaququze­leli bendebe yeDanone ukuba babazise ngomhla abaza kudlala ngawo eBarcelona.

IDanone yaqala ukuququzel­ela iDanone Nations Cup ukususela ngo2000. Le ndebe yeyona inkulu yabaneminy­aka elishumi ukuya kwelishumi elinesibin­i kwihlabath­i. Bangaphaya kwe2.5 million abantwana abavela kwizikolo ezingama34 000 namaqela angama11 000 athabatha inxaxheba.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa