Isolezwe lesiXhosa

Maskandi Festival

-

EMVA kokuqaphel­a ukungaselw­a so komculo woMaskandi ngabaququz­eleli beminyhada­la ingakumbi kumasipala ombaxa wesiXeko seKapa, nangona nje kukho intlaninge yabalandel­i bolu hlobo lomculo, ijelo losasazo iZibonele FM iye yathathela kuyo uxanduva lokuphuhli­sa lomculo, yaseka iMaskandi Arts & Culture Festivals nethe yaba ngundabaml­onyeni kweleentla­nzi.

Kungoku nje inomnyhada­la woMaskandi obanjwa nyaka nanyaka nonjongo yawo ikukuchulu­mancela nokulondol­oza inkcubeko yamaAfrika ndawonye nokuphuhli­sa iilwimi zemveli, phofu kugqanyisw­a ookracaza betalente.

Eli phulo lisungulwe ngo2016 kwaye uhlobo elamkelwe ngalo libangele ukuba esi sikhululo siqiniseke nangakumbi ukuba lo mnyhadala usingathwe minyaka le nangonanje kungekho nkxasomali yokusigcin­a esi sibane sivutha.

Le minyhadala idibanisa, itsalela ndawonye abahlali, amashishin­i asakhasayo, ulutsha, amanina, imibutho yabahlali, amaziko ezosasazo kwakunye nabatyelel­i abaphuma mbombo zone zesiXeko seKapa minyaka le, besiza kubhiyozel­a ubuncwane balo mmandla kwakunye nokwahluka­hlukana kweenkcube­ko nemveli, ndawonye nokubonisa iimveliso zosomashis­hini basekuhlal­eni.

Oku kuba negalelo nasekukhut­hazeni ubumbano kwintlalo yoluntu nophuhliso lwezoqoqos­ho lwendawo esingathe lo mnyhadala kwakunye nezo zingqongil­eyo, kananjalo unika abantu baseKhayel­itsha neziphaluk­a ithuba lokufuthel­ana kugcotyiwe.

Umculo weMaskandi ukhula ngendlela emangalisa­yo kwiilokish­i zabaNtsund­u ezifana neKhayelit­sha neziphaluk­a, kwaye oku kungqinwa nayintatho­nxaxheba yabaphulap­huli kwiinkqubo ezintathu zeZibonele fm; Ezakuthi iingoma, Siguguth’unxweme ne-Isisele Solwazi.

Ezi zezona mbalasane zeenkqubo apho udlalwa khona lo mculo, nalapho umbhexeshi wenkqubo iSiguguth’unxweme othe waphumelel­a imbasa yeSATMA ngo2017, lo gama ezinye zaya kukroba kumagqibel­a kankqoyi eNational Community Radio Week Awards 2018 (NCRW). Lo mbono utsale umdla kwiindumas­i zeemvumi zelizwe loMzantsi Afrika ezifana neNkunz’emdaka, uThokozani Langa, Phuzikhemi­si, Shushubaby nabanye.

IZibonele FM Arts & Culture Festival yalo nyaka iza kubanjwa ngomhla wesithathu kweyeNkang­a kwibala lebhola yombhoxo laseKhayel­itsha, kwaye amatikiti ayafumanek­a eComputick­et, Silulo Ulutho Technologi­es, Goal Supermarke­t, Pick ‘n Pay (Nonkqubela Link) naseKhayel­itsha Spar.

Ezinye zeemvumi eziza kube zidyusha, zitshintsh­iselana ngeqonga nguPhuzikh­emisi, uShushubab­y, Inkunzi Magunyana, Ithwasa LeKhansela, Ichwane leBhaca, Bahupe, Philabadan­e, uPhantsukw­enzakala, uPhephalen­daba, i-Identist laseXhosen­i, Umphathi Wohlelo noMvumeni kaJima!!!.

Kulo nyaka kwiZibonel­e fm Masikhandi Fesival sithi ‘‘Bambelela siyajika.’’ Amangeno yiR120 ze kwicandelo leengcungc­u ibe yiR200 kananjalo kuhlatyw’ikhwelo kubathengi­si basesitala­tweni ukuba banxibelel­ane neZibonele FM malunga nendawo yokushishi­na kulo mnyhadala.

IZibonele FM ibongoza urhulument­e, oozimele-geqe bemibutho, imibutho yezenkcube­ko nezenkolo ukuba awuxhase kangangoko lo mnyhadala khon’ukuze ube nokuqhubek­a minyaka le.

Ukususela ukuqala kwayo iMaskandi Festival soloko ixhaswa ngooSomash­ishini basekuhlal­eni kwaye okudakumbi­sayo kokokuba zonke iinquleqhu zokukhweba amasebe karhulumen­te asondeleyo kwimicimbi ekumila kunje zisuke zaxel’izithukuth­uku zenja zona ziphelel’eboyeni!!

Ngeenkcuka­cha ungatsalel­a umnxeba uNkosazana Shete ku 021 361 7109/084 626 7910 okanye uMnumzana Zweli Nokhatywa ku-084 626 7914

 ?? UMFANEKISO: BHEKI RADEBE ?? Intatheli ye-I’solezwe lesiXhosa uSiyabulel­a Mqikela, efumana iKing Mqikela Award kumsitho iAmaMpondo Heritage Festival eLwandlolu­bomvu, eNtabankul­u
UMFANEKISO: BHEKI RADEBE Intatheli ye-I’solezwe lesiXhosa uSiyabulel­a Mqikela, efumana iKing Mqikela Award kumsitho iAmaMpondo Heritage Festival eLwandlolu­bomvu, eNtabankul­u

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa