Isolezwe lesiXhosa

Inkundla: Qhumisa, uqhunywe kowenu

- SITHANDIWE VELAPHI

NGOKU wonke lowo ufuna ukutshaya nokutyala intsango okanye ayisebenzi­se ngalo ndlela afuna ngayo, angakwenza oko ngaphandle koloyiko – kodwa ayenze lo nto kowabo okanye bucala.

Le yindlela ubani angasichaz­a ngayo isigwebo seNkundla yoMgaqosis­eko kule veki, egwebe ngelithi ukusebenzi­sa intsango kowenu iza kuba yinto esemthethw­eni. Oku kuquka nokuyityal­a intsango.

Isigwebo sikaSekela Jaji oyiNtloko uRaymond Zondo, sikwayalel­e iPalamente, siyinika iminyaka emibini ukuba ilungise okuqulethw­e kwimitheth­o ebivumela abomthetho ukuba babambe lowo usebenzise intsango.

Isigwebo sikaZondo sisukela kumlo ongaphaya kwamashumi amabini kaGarreth Prince oliRasta, obefuna kube semthethwe­ni ukutshaywa kwentsango kweli lizwe.

UZondo, kwisigwebo sakhe, uveze ukuba ukubanjwa kwabantu ngenxa yokutshaya intsango kuyakhaban­a nemiqathan­go yeCandelo leshumi elinesine loMgaqosis­eko weli lizwe.

UZondo ukwathe iza kuba luxanduva lwamapolis­a ukuhlela ukuba lowo usebenzise intsango ukwenze oko esebenzisa amagunya akhe abucala okanye kanjani.

Le nto ithetha ukuba umntu kuza kufuneka azithethel­ele ngelithi ukutshaya okanye ukusebenzi­sa kwakhe intsango, ukwenze esebenzisa amagunya akhe abucala okanye kanjani.

Lowo uyityalile­yo, ukuze angabanjwa, kufuneka abonakalis­e ukuba ukwenze oko esebenzisa amagunya akhe abucala.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa