Inkundla: Qhumisa, uqhunywe kowenu
NGOKU wonke lowo ufuna ukutshaya nokutyala intsango okanye ayisebenzise ngalo ndlela afuna ngayo, angakwenza oko ngaphandle koloyiko – kodwa ayenze lo nto kowabo okanye bucala.
Le yindlela ubani angasichaza ngayo isigwebo seNkundla yoMgaqosiseko kule veki, egwebe ngelithi ukusebenzisa intsango kowenu iza kuba yinto esemthethweni. Oku kuquka nokuyityala intsango.
Isigwebo sikaSekela Jaji oyiNtloko uRaymond Zondo, sikwayalele iPalamente, siyinika iminyaka emibini ukuba ilungise okuqulethwe kwimithetho ebivumela abomthetho ukuba babambe lowo usebenzise intsango.
Isigwebo sikaZondo sisukela kumlo ongaphaya kwamashumi amabini kaGarreth Prince oliRasta, obefuna kube semthethweni ukutshaywa kwentsango kweli lizwe.
UZondo, kwisigwebo sakhe, uveze ukuba ukubanjwa kwabantu ngenxa yokutshaya intsango kuyakhabana nemiqathango yeCandelo leshumi elinesine loMgaqosiseko weli lizwe.
UZondo ukwathe iza kuba luxanduva lwamapolisa ukuhlela ukuba lowo usebenzise intsango ukwenze oko esebenzisa amagunya akhe abucala okanye kanjani.
Le nto ithetha ukuba umntu kuza kufuneka azithethelele ngelithi ukutshaya okanye ukusebenzisa kwakhe intsango, ukwenze esebenzisa amagunya akhe abucala okanye kanjani.
Lowo uyityalileyo, ukuze angabanjwa, kufuneka abonakalise ukuba ukwenze oko esebenzisa amagunya akhe abucala.