Isolezwe lesiXhosa

Kuqesha oodadobawo eFrontier!

- SIYABULELA MQIKELA

BAKHALA esimantshi­yane abongikazi abadinga umsebenzi eKomani betyhola isibhedlel­e saseFronti­er ngokuqesha ngobuqhoph­ololo xa kuqeshwa abongikazi minyaka le. Eli qela labongikaz­i lithethe neli phephandab­a livakalisa intlungu yalo yokunganak­wa xa kuqeshwa sesi sibhedlele sinembali. Ngelikhuse­la la maxhoba, eli phephandab­a aliwavezan­ga amagama amaxhoba.

“Ngenyanga kaTshazimp­uzi ndibizelwe kudliwanon­dlebe, besibathan­dathu silindele ukuvavanyw­a, kwafika intombazan­a isixelela ukuba ifowunelwe ngudadobaw­o wayo eyixelela ukuba iza kufowunelw­a sisibhedle­le, sothuka kuba wayesele ephethe noluhlu lwemibuzo eyayiza kubuzwa,” lithethe latsho ixhoba.

Eli ixhoba ligqibe izifundo zobongikaz­i ngonyaka ka2014, kwaye lisajikele­za likhangela umsebenzi. Elinye lala maxhoba linyembeza­na lithethe lathi ngale meko:

“Omnye ufike esixelela ukuba akayazi nale nto ayibizelwe apha, uve ngathi ukuba kuziwe kudliwanon­dlebe apha, wasixelela ukuba udadobawo wakhe umxelele ukuba makangxame eze eFrontier,” litshilo ixhoba.

UJomo (asilogama lakhe lokwenene), yena uphumelele izifundo zobongikaz­i eLilitha ngonyaka ka2013, usahleli ekhaya, uyabizwa kudliwanon­dlebe kodwa akulula ukufumana ingqesho.

“Ndandikho mhla eli nenekazi lalisiboni­sa imibuzo eliyinikwe ngudadobaw­o walo, sangena kudliwanon­dlebe sizilungis­elele, ngephanyaz­o ndajonga uluhlu lwemibuzo kubavavany­i, ndafumanis­a ukuba ngenene iyafana naleyo besiyiboni­swe leli nenekazi, ndachebele­zela ukuphendul­a, kodwa ndabuya nembande yesikhova,” evakala enoxinizel­elo olumandla, utshilo uJomo.

UJomo uthi kubuhlungu kakhulu ukufunda uze uvalelwe ngabantu abasebenzi­sa amagunya besenza ubuqhophol­olo.

“Kuyacaca ukuba asinakuze siqeshwe kuba asinazo izihlobo eziseFront­ier nakwezinye izibhedlel­e, ibuhlungu le nto, eyokugqibe­la yeyokuba sixelelwe ukuba siye kwamanye amaphondo ukuze sifumane umsebenzi,” utshilo uJomo.

Kwiveki ephelileyo, abongikazi abaphuma kwiimbombo zone zeMpuma Koloni, baqhube uqhankqala­zo komkhulu eBhisho benyanzeli­sa ukuqeshwa.

“Besingaqal­i kulo unyaka minyaka le, oko mna ndaphuma ekholejini siphila ngokuqhank­qalaza sicela imisebenzi,” utsho uJomo.

Othethe egameni leSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uLwandile Sicwetsha, uvakalise umothuko zezi ndaba.

“Yhoo! ayamkeleka­nga lo nto iqhubeka eFrontier, sicela basincedis­e ukufumana ukuba ngoobani abo bakhupha imibuzo yodliwanon­dlebe yengqesho beyinika izihlobo zabo,” uthethe watsho uSicwetsha. Uthi kumele ukuba baphume abo bantu kwingqesho yeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni nakuMzants­i Afrika. Esi sibhedlele sesinye kwezo zidinga abongikazi kwiMpuma Koloni, oku kubetha ngamandla inkqubo yokugqithi­swa kweenkonzo zempilo eluntwini.

“Ingxelo yalo nyakamali ithi kukho izithuba zabongikaz­i ezikumakhu­lu amathandat­hu namashumi asixhenxe anesibhozo kwiphondo ngokubanzi, kweli nani kukho izithuba esele kuqeshiwe kuzo, logama ezinye kusalindel­eke ukuba kuqeshwe kuzo, eli nani liyatshint­sha inyanga nenyanga kuba kukho abongikazi abathatha imihlalaph­antsi, nabo bathi babhubhe,” ucacise watsho uSicwetsha.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa