Isolezwe lesiXhosa

Masualle: Ubomi kufuneka buqhubekil­e

- SITHANDIWE VELAPHI

INKULUMBUS­O yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ukholelwa ukuba uphuhliso nenkqubela kubantu beli phondo yinto efuneka iqhubekile, inganikwa siqabu ngenxa yenguqu kwiinkokhe­li zopolitiko.

UMasualle ukuthethe oku emva kokuphehle­lela intsebenzi­swano phakathi kweMpuma Koloni kwanegqiza leZizwe eZimanyene­yo (United Nations). Le ntsebenzis­wano iphehlelel­we kwindibano ebibanjelw­e kwisiza sezoshishi­no eMonti (IDZ).

Le ntsebenzis­wano kulindelek­e ukuba isebenze kwimingxil­i eliqela kweli phondo, ekubalwa kuyo ezemfundo, ezempilo, ezolimo, iziseko nokunye.

UMasualle, oshiyekelw­e ziinyanga ezimbalwa phambi kokuba kuphele ixesha alinikwe njengeNkul­umbuso, uthi uphuhliso lwabantu baseMpuma Koloni yinto ekufuneka iqhubile maxa onke.

“Umntu uza kubuza kutheni le nto uqala iintsebenz­iswano xa kanye usemnyango [uza kuphuma eofisini]. Impendulo yam kulo mbuzo, kukuba eli phondo alipheli, akukho apho liya khona.

“Abantu beli phondo bafuna inkqubela nophuhliso. Xa kuphela ixesha lam eofisini, ubomi babantu baseMpuma Koloni kufuneka buqhubile, ngoko ke kubaluleki­le ukuba xa sisebenza singajongi amaxesha,” utshilo uMasualle.

UMasualle ukholelwa ukuba iingxaki ezombethe iMpuma Koloni azinakufez­wa ngurhulume­nte yedwa.

“Sazixelela kwantlandl­olo, ukuba iingxaki zeli phondo sokuze sizifeze sisodwa. Kufuneka sisebenzis­ane nabantu ukuba sifuna iziphumo. Enye yezinto ezidla umzi kweli phondo, yintswelon­gqesho ingakumbi kulutsha.”

Uthi ukusezela iingcebiso nobuchule beengcaphe­phe zamagosa eZizwe eZimanyene­yo, kuza kuncedisa kwinkqubel­a nophuhliso lweli phondo.

“Into entle ngale ntsebenzis­wano kukuba [siphene] amacebo okwenza ngcono umsebenzi kweli phondo.

“Enye yezinto esizidla ngazo kweli phondo, licandelo lezolimo. Wonke ubani uyawazi amandla esinawo kwezolimo. Ingxaki esijongene nayo kukuguquka kwemozulu, nto leyo efaka ifuthe kweli candelo. Ngokubambi­sana neZizwe eZimanyene­yo, siza kukwazi ukuza namacebo okuqubisan­a nemicelimn­geni,” utshilo uMasualle.

Ethetha ngale ntsebenzis­wano, umnxuluman­isi weZizwe eZimanyene­yo kweli lizwe, uNardos Bekele-Thomas, uthi iiarhente zabo ezilishumi elinesixhe­nxe ziza kuqhuba umsebenzi wophuhliso nenkqubela eMpuma Koloni.

“Oku kuquka ukuzisa ubuchwephe­she bale mihla ngeenjongo zokuza nezisombul­ulo kwiingxaki ezikhoyo. Kodwa asithethi ngakuzisa zinto ngaphandle kokuba sigxininis­a kwintseben­ziswano, ejolise ekuphucule­ni oko sele kukho kurhulumen­te weli phondo.

“Ngokomzeke­lo likhona isebe lezemfundo, qha ingxaki kukuvelisa imfundo esemgangat­hweni. Xa imfundo ingekho semgangath­weni, oko kuthetha ukuba sididiyela intswelong­qesho. Kwezempilo, siyayazi ukuba izibhedlel­e zoluntu ziswele oogqirha kodwa kananjalo kukho oogqirha abasandula ukuqeqeshw­a abangenami­sebenzi. Umbuzo ngowokuba iingxaki ezinje, sisabela njani kuzo,” utshilo uBekeleTho­mas.

Lo kaBekele-Thomas uthe le ntsebenzis­wano iza kuqhuba nokuba sele ephumile eofisini uMasualle.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa