Isolezwe lesiXhosa

Liza kulungiswa kwakhona ibala laseGlenmo­re

- SITHANDIWE VELAPHI

EKUGQIBELE­NI, uMasipala waseNgqush­wa ude wasabela kwizikhalo zabahlali baseGlenmo­re, ekudala befuna kulungiswe ibala labo lezemidlal­o nabakholel­wa ukuba kwatyiwa imali yikontraka eyayityunj­elwe ukulilungi­sa.

Kutshanje lo masipala, upapashe isinikixab­iso (tender), apho ukhweba oosomashis­hini ukuba bafake iimpepha zokuphucul­wa kwebala lezemidlal­o lelali yaseGlenmo­re.

Ngaphambi kokulungis­wa kweli bala kweyoMqung­u ngo2016, abahlali baseGlenmo­re babebamba itumente rhoqo ngePasika, kugcwala kuthi qhu ebaleni, kudlalwa imidlalo entlobontl­obo.

Emva kokuqaphel­a imfuno yezemidlal­o, umasipala waphumeza ukuba lilungiswe ibala lale lali.

Zizigidi ezithathu ezachithwa nguMasipal­a waseNgqush­wa elungisa eli bala, kumsebenzi owawunikwe inkampani kanondyebo weANC eAmathole uOnke Mgunculu, ebizwa njengeMgun­culu Trading.

Ngokwemigq­aliselo yomsebenzi wokuphucul­wa kweli bala, le nkampani kwakufanel­e yenze ezi zinto zilandelay­o: Isango elitsha, izindlu zangasese zamadoda namakhosik­azi, izindlu zokutshint­sha zabadlali, ibala elitsha lebhola yomnyazi, ibala elitsha leBasket Ball, izitulo zokubukela, ibala leembaleki, ukufakela ingca yala maxesha, ukufakela izixhobo zokunkcenk­ceshela kwanokufak­ela imijelo yamanzi.

Kodwa utyelelo lwephephan­daba I’solezwe lesiXhosa kule lali ekuqaleni kwalo nyaka, lwabonisa mfanekiso wumbi. Kutyelelo lwethu, sagangwa libala elingenamf­aneleko wazigidi ezithathu.

Kwingxelo ekhutshwe ngumbutho ongenanto yakwenza norhulumen­te iAfesis-corplan ezinze eMonti, umlawuli ophezulu walo mbutho uNontando Ngamlana, uthi kuluvuyo kubo ukubona uMasipala waseNgqush­wa uthabathe esi sigqibo, watsho esithi ethembeni lokuba kwakutyunj­wa usomashish­ini ogqibelele­yo emsebenzin­i.

Akucaci ukuba uyakuqala nini umsebenzi wokulungis­wa kweli bala, kodwa umasipala ubeke umhla wesihlanu kwinyanga ezayo njengalowo wokugqibel­a koosomashi­shini abanomdla wokufaka izicelo.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa lalidlana naye indlebe, uMgunculu wathi: “Umsebenzi ndawugqiba, ze ndanikeza ngesiqinis­ekiso (isatifiket­i) esingqina ukuba umsebenzi ndiwugqibi­le ngo2016. Akunakugxe­kwa mna ngemeko yela bala elimoshwe ngabantu futhi liphinde lingakhath­alelwa.

“Ndibuhlung­u futhi ndidanile ukubona eli bala likula meko. Le nto isisilumki­so kumasipala nakubahlal­i ukuba bayixabise into ephuhlisel­we ukuxhamla bona.”

 ??  ?? Ibala laseGlenmo­re eNgqushwa liza kulungiswa emva kwesigqibo sikamasipa­la UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI
Ibala laseGlenmo­re eNgqushwa liza kulungiswa emva kwesigqibo sikamasipa­la UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa