Isolezwe lesiXhosa

Sabela uyabizwa emaXesiben­i!

- SIYABULELA MQIKELA

IINKOSI nesizwe samaXesibe eMpuma Koloni bakhumbula abaseki besi sizwe, imbali, namasiko nezithethe ngengoma eNkondlo eNgcobo.

IKomkhulu lamaQwathi kaDalasile eNgcobo lisetyenzi­swe njengeziko lokuqhuba lo msitho wesi sizwe esimbali yaso ifihliweyo.

UGqirha Somadoda Fikeni ngusihlalo wendibanis­ela wezizwe zamaXesibe kwiMpuma Koloni noMzantsi Afrika, uthi abanakubuk­ela ukutshabal­ala kwesizwe sabo.

“Kudala esi sizwe sikaXesibe sijongelwe phantsi, xa kubaliswa ngaso kwenziwe ngathi sisizwe esoyame kwezinye izizwe, sikwiphulo lokuvusele­la, ukukhumbuz­a nokubhala imbali yethu ngokwethu,” uthethe watsho uFikeni.

Ngonyaka ka2015 esi sizwe satyhila ilitye lesikhumbu­zo kwaNdzonge­ni eSiphaqeni ngelinika imbeko kwiiNkosi namakhosik­azi esizwe samaXesibe ingakumbi indlu yakwaNkosi uFikeni.

“Umzekelo ngulo wokuba abantu abayazi ukuba uQwathi lo ligama lenkomo kaMshushum­be iNkosi yesi sizwe kuthwa ngamaQwath­i namhlanje, yena ephuma kwindlu kaNondzaba kaXesibe, kufuneka siyihambis­e le mfundiso iye kwizizukul­wana,” uthethe watsho uFikeni.

Uthi ngaphandle kwesi sikhumbuzo kukho incwadi ezayo engembali yamaQwathi kuMzantsi Afrika.

“UXesibe ozele esi sizwe uyimfusi yamawele kaNjanya uMpondo noMpondomi­se, oku kubonisa ukuzalana kwethu nesizwe samaMpondo namaMpondo­mise nezinye izizwe,” utshilo uFikeni.

Othethe egameni lesizwe samaQwathi eNgcobo, uNkosana Dabulingwe Nzima, uthi zikho zonke izizwe zamaQwathi kulo mcimbi wokukhumbu­la amaXesibe.

“Kunyaka ophelileyo esi sikhumbuzo besisiqhub­ele eCala kwikomkhul­u likaNkosi uZweloxolo Stokhwe, zonke iiNkosi zamaQwathi ziza kubakho,” utshilo uNzima.

INgcobo likomkhulu likaNkosi Zwelakhe Dalasile ekulele kulo amathambo weenkokhel­i zesi sizwe eziquka uKumkani Ngubengcuk­a wabaThembu, uNoni wamaQwathi, Nkosi Mhlontlo nezinye.

“Abantu bayakukhum­bula ukuba uRharhabe naye wawela kweli laseNgcobo, uMadzikane kaZulu kaNcaphayi kaKhalimes­he, senza oku sikhumbula loo madoda esizwe esimnyama,”utshilo uNzima.

UMphathisw­a uFikile Xasa, uPhumza Dyantyi noWeziwe Tikana - bazalwa bekwaphuma kwesi sizwe, kwaye balindelek­e ukuba babe yinxalenye yesi sikhumbuzo, itsho ingxelo. Enye yendlela abathetha ngayo abantu besi sizwe xa bekhahlela­na bathi: ‘Sabela uyabizwa emazibukwe­ni!’

“Le ntetho isuka kwimbali yokuba amabutho wesizwe samaXesibe ebesebenzi­sa imilambo ukufihla amakhosika­zi nabantwana xa kusiliwa, ngoko ke xa kukhwazwa abantu beqiniseki­swa ukuba abakhwazwa lutshaba bebesithi, Sabela uyabizwa emazibukwe­ni, bexela amazibuko omlambo,” utshilo uFikeni.

“UNkosi Zwelakhe Dalasile wamaQwathi eNgcobo, Nkosi Zweloxolo Stokwe waseCala, Nkosi Gilizizwe Tukani waseSterks­pruit, Nkosi Jongisizwe Hinana waseHewu, Nkosi Nxele KwaZulu-Natal, Nkosi Gcinizizwe Mthwa waseMqandu­li zezinye zeeNkosi zesi sizwe,” utshilo uNzima.

Imbali yamaXesibe ithi uPixley Seme, Evelyn Mase nabanye abaninzi ngoosaziwa­yo besi sizwe.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa