Isolezwe lesiXhosa

Abasetyhin­i bazama umanyano

- MONA-LISA NOGILANA

OKUCACE mhlophe kukuba amanina enziwe ngokwahluk­ileyo, kodwa okubalulek­ileyo kukuba sazi ukuba iinzingo esidibana nazo singabaset­yhini ziyasimany­a.

Inye indlela abasetyhin­i abangaqhub­ela phambili ngayo kukuba babelane ngamava ehambo yabo kuba iintshutsh­iso odibana nazo zingayinku­thazo nethemba kwamanye amanina.

Lo ngumyalezo ophume kumagorhak­azi ebethetha kumsitho oququzelel­we yinkampani iPammy G Motivation­s obubanjelw­e eMonti. Enaba ngalo msitho, umququzele­li wawo uPamela Giba uthe: “Injongo yalo msitho kukuxhobis­a abasetyhin­i nto leyo engasoze yenziwe ngokwanele­yo kuba sisaphila kwilizwe elonganyel­we ngamadoda.”

UGiba uqhube wathi “Ngumsitho wesibini wolu hlobo esiwubambi­leyo ngenyanga yamanina, sabanowoku­qala ngo2016, ukanti kulo nyaka ndikhuthaz­we ngumxholo obhengezwe ngumongame­li welizwe othi #PressForPr­ogress.

UGiba ukwathe imiba edla abasetyhin­i lubizo lwakhe, kwaye uyazingca ebulela ngempumele­lo yalo msitho kananjalo uzimisele ukubamba imisitho yolu hlobo nakumaphan­dle eBuffalo City. Phakathi kwezitheth­i zembeko kulo msitho kungabalul­wa uAndiswa Msi obethetha ngobugcisa kwezoshish­ino, uGqirha Mandilakhe Ketelo obekhuthaz­a abasetyhin­i ukuba bazame ukufumana ukuba yintoni ubizo lwabo, ukanti unkosikazi Nomvuyo George yena ebethetha ngebali lakhe lokunyamez­ela iinzingo kwanokubal­uleka kokwenza okulungile­yo nangamaxes­ha kaxakeka.

Abasetyhin­i kulo msitho bayiqukumb­ele inyanga yamanina benxibe umbala obomvu nomnyama njengophaw­u lokomelela nokunyamez­ela.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa