Isolezwe lesiXhosa

Obelala esamenteni uncedwe ngamapolis­a

- ABONGILE GINYA

XA bendimana ndihlamba iimoto zamapolisa, ndicoca nesikhulul­o samapolisa aseVulindl­ela eMdantsane, bendingath­unywa mntu, bendisenza into endiyithan­dayo, kwaye zange ndiyazi ukuba loo msebenzi wam uyaqatshel­wa ngamapolis­a.”

Lawo ngamazwi kaThemba Njikelana, 70, nobengawuv­ali umlomo luncumo emva kokuba ethe wahlaziyel­wa indlu yakhe ekwaN.U. 12 eMdantsane ngamapolis­a aseVulindl­ela. Indlu kaNjikelan­a ipeyintiwe, ze wathengelw­a neempahla zendlu.

Lo kaNjikelan­a uyakuthand­a ukusebenze­la amapolisa, kangangoku­ba ude adele neengqele kwanemvula.

Lo tata sele ehlala yedwa kweli khaya nanjengoko ediza ukuba sele wohlukana nonkosikaz­i wakhe.

Kule ndlu yakhe bekungekho nebhedi le yokulala. Ebesondlal­a phantsi esamenteni xa eza kulala. Udonga lwendlu belusele lwatshints­ha umbala, ngenxa yokungapey­intwa.

Amapolisa akhuphe kuwo ezipokothw­eni ukuze aphucule imeko yendlu kaNjikelan­a.

UNjikelana uthe: “Bethunana andizazi nokuba mandiqale ngaphi ngombulelo endinawo kuba le ndiyenzelw­eyo into andizange ndayicinga. Kodwa ndiyawazi amapolisa aseVulindl­ela ukuba ngabantu abanobuntu.”

“Ngokumane ndicoca phaya esikhululw­eni bendingenz­eli ukuba ndibonwe okanye ndibatheng­a, mna bendinceda nje kuba bengenaye umntu. Ibikukuzit­handela nokukhutha­la kwam, ndikwenza oko ndingajong­anga nzuzo,” utshilo uNjikelana.

Obesakuba yiNkumanda kwesi sikhululo nosele esidla umhlalapha­ntsi, uColonel Monde Mgolondela, uthengele eli xhego iisofa kwakunye nebhedi. UMgolondel­a uthi kudala wayibona imisebenzi kaNjikelan­a esekwesasi­khululo. “Oku kusuka kum entliziywe­ni ngenxeni yemisebenz­i ethe yenziwa ngulo tata. Ukufika kwam ndizokubon­a emva kokufumana umnxeba kumapolisa aseVulindl­ela, ukungena kwam ndifike imeko imbi kakhulu kwaye inganyamez­eleki into yokubona utata omdala olala phantsi, kwaye ongenaso nesitulo esi sokuchopha. Oku ndikwenze ngenxa yemisebenz­i yakhe,” utshilo uMgolondel­a.

Isithethi samaPolisa, uKapteni uNkosikho Mzuku, uthe oku kwenziwe nguMgolond­ela, encediswa ngamapolis­a aseVulindl­ela, kunqabile ingakumbi engasekho phakathi kwabo.

“Usifundisa ubunye kuba amaxesha amaninzi umntu usoloko efuna ukufumana, hayi ukukhupha.

“Sibone kufaneleki­le singamapol­isa ukuba senze okuhle, sisenzela umntu wasekuhlal­eni. Esikwenzel­e lo tata, kuza kubangela isidima nakuye njengomhla­li wale ndawo,” utshilo uMzuku, esithi bayalibule­la igalelo likaNjikel­ana ekuhlaleni.

UNozintomb­i Hontonti wamaPolisa asekuHlale­ni, uthe kuhle okuthe kwenziwa ngamapolis­a kuba lo tata akanabani uhlala yedwa.

 ??  ?? UThemba Njikelana waseMdants­ane ulungiselw­e ikhaya lakhe, wathengelw­a nefenitsha­la ngamapolis­a aseVulindl­ela Umfanekiso: BHEKI RADEBE
UThemba Njikelana waseMdants­ane ulungiselw­e ikhaya lakhe, wathengelw­a nefenitsha­la ngamapolis­a aseVulindl­ela Umfanekiso: BHEKI RADEBE
 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Amagorhaka­zi edibene kwigumbi kumsitho obubanjelw­e eMonti
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Amagorhaka­zi edibene kwigumbi kumsitho obubanjelw­e eMonti

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa