Isolezwe lesiXhosa

‘Sidiniwe sisinxilo nokuqhunyw­a kwabantwan­a bezikolo!’

- MPUMELELO MATWA

BADIKWE yeyokosa abahlali baseBhayi sisigqubu sabantwana bezikolo abaxaba etheni ngooLwesih­lanu. Abahlali beewadi ezisixhenx­e kule ndawo bebephume iphulo ngoLwesihl­anu esimshiyil­eyo benza umngcelele bayokuthon­telana kwisitalat­o esibizwa ngokuba yiKoyana phambi kwegaraji eyaziwa ngokuba kukwaLaman­i kwilokishi yaseZwide, beyokuchit­ha isiqhu sabantwana bezikolo, amakhwenkw­e namantombo­zana.

Lo mngcelele ubukhokelw­a ngusodolop­hu wale ndawo uMongameli Bobani namanye amalungu esigqeba sakhe, ooceba bezi wadi, abazali, ootitshala nabanini beethaveni.

Rhoqo ngooLwesih­lanu abantwana nabanye ababizwa ngokuba zizikhotha­ne baphuma ezikolweni zabo bayokuma esazulwini sendlela, bambi beyabula emacaleni, bambi bekhuphisa­na ngeempahla ezinamaxab­iso, abanye bevuma iingoma ezinesingc­olo phakathi.

Onguceba kwiwadi engunombol­o 25, uMabaso Jacobs, uthe bathabathe eli nyathelo emva kwezikhala­zo zabahlali besithi makwenziwe into ngesi sigqubu.

Uthe phakathi kwaloo ngxolo, isinxilo naso sithathe indawo, abanye bamanzi kukuqhunyw­a sisiyobisi esifana netiki.

“Sithi kwanele ngoku, sicela ukuba amapolisa angenelele, sidiniwe sisinxilo nokuqhunyw­a kwabantwan­a bezikolo, siza kubalapha ngobuninzi bethu singabahla­li rhoqo ngooLwesih­lanu,” utshilo okaJacobs.

UZithobele Kebe ongutitsha­la kwisikolo iGarreth, uthe nabo banengxaki yabantwana babo abangene baphelela kulo mkhwa, esithi kudala becenga amapolisa ukuba aze kubothusa esikolweni, koko amapolisa azalela endle.

“Sibafundis­a benjalo bekwiqondo eliphezulu lokuqhunyw­a, ibe seso siphazamis­i somntwana ophendula kuthethwa, kodwa ke akukho nto sinokuyenz­a kuba umthetho ungasijike­la kuba awusivumel­i,” uthethe watsho utitshala.

“Mna ndiza kugila umntwana womntu endleleni yam, andizikuph­athwa ngabantwan­a abasileyo,” utshilo omnye wabahlali enomsindo.

Usodolophu uBobani uthe uza kuqiniseki­sa ukuba uwusebenza eofisini yakhe lo mba, esithi zonke iilokishi zalo masipala zinale ngxaki.

Izikhalazo zabahlali zamkelwe nguBrigadi­ya Lindelwa Vellem, ophefumle wathi uyavuya ukuba abahlali bangenelel­e, esithi ikwangabo abathethel­ela abantwana babo babuye kwabona bayokukhal­aza emapolisen­i.

 ??  ?? NGENTLA: Usodolophu uMongameli Bobani okhokele umngcelele. EZANTSI: Abantwana besikolo
NGENTLA: Usodolophu uMongameli Bobani okhokele umngcelele. EZANTSI: Abantwana besikolo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa