Isolezwe lesiXhosa

Inkcazelo yamaphupha

- Makhosi Lulama Mpahla

IPHUPHA: Molo tata, ndiphupha inyama ebomvu etyebileyo, ndiphupha nomngcwabo womntu wasebumelw­aneni ophilayo, ndicela undixelele athetha ukuthini la maphupha?

IMPENDULO: Xa uphupha ngenyama kubaluleki­le ukwazi indawo kwanokuba inyama le ibisenziwa­ni umzekelo - ityiwa, iphekwa okanye isojiwa. Zonke ke ezo nkcukacha ziye zibe luncedo kumhlaluty­i. Umngcwabo womntu osaphilayo wona ubonisa impilo kulowo ungcwatywa­yo, ingakumbi xa engumntu onempilo enkenenken­e.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela undilawule­le eli phupha. Ndisoloko ndiphupha ndihleli nomakhulu wam ongasekhoy­o. De ndathatha isigqibo sokutyelel­a idlaka lakhe, nangona nje ekhaya bengawenzi amasiko. Kodwa emveni koba ndibuyile andikaphin­de ndilifuman­e elo phupha.

IMPENDULO: Lihle inyathelo olenzileyo kodwa alanelanga kusafuneka wenze ngaphezu kokuba wenzile, umkhumbule umakhulu lowo ngokwesint­u.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphupha umama wakho engenamile­nze?

IMPENDULO: Elo phupha lichaza impilo eza kuba nkenenkene kulowo usephuphen­i.

IPHUPHA: Ndiphupha isifihlo sesizalwan­e nje sethu, ingaba lithini? Camagu!

IMPENDULO: Alixhalabi­si eli phupha kuba lichaza okuhle nempilo ende kwisizalwa­ne eso.

IPHUPHA: Ndiphupha ndisesikol­weni kodwa ndifike kumabanga aphantsi abafundi behleli bejonge kumfundisi­ntsapho, kubekh’obuza amabanga aphezulu (Grade11) akhonjwe phambili kwamanye amagumbi, nam ndilandele kuba ndithi ndifuna kanye loo klasi, into endixakayo le ndawo ivela okwesibini ndifunana nale klasi, kodwa kwelokuqal­a ibe inguGrade 9.

IMPENDULO: Iphupha elinje lichaza inyathelo elitsha ekufuneka ulithathil­e ebomini, amaxesha amaninzi oku kubhekisel­e ekubeni wamkele ubugqirha okanye uvume intwaso.

IPHUPHA: Kuxa kutheni xa uphuphe uleqwa ziinyosi?

IMPENDULO: Kaloku iinyosi zizihlwele zakowenu ezo. Xa uphupha zikuleqa sukuba nawe ungazenzi izinto zakowenu okanye ubaleka amasiko nezithethe zakho.

IPHUPHA: Camagu, ndingumphu­phi ophupha kwenzeke. Ndinexhala, ndiphuphe ndifikelwa yileta ndisesikol­weni, ithetha ngomamam ongaphilan­ga kakhulu. Angaswelek­a nanini, xa ndifika ekhayeni azalelwe kulo elaliswe esiphontsh­ini kunzima, kodwa sesezantsi sezokugqit­ha. Ndibaleke ndiyokucoc­a kwezinye izindlu kwalapha. Naye ndimshiya evaswa ngomnye umama endingamaz­anga ukuze imoto yomzi wabangcwab­i ifike. Nezo zindlu bendizicoc­a azisekho. Abezanga nabanye abantu abazalana nomama, ithini le nto ngoba unawo nomzi wakhe, kwaye akandifuni nokundibon­a.

IMPENDULO: Lungisa le nto ibangela ukuba ningavani ukuze kuzokulung­a kuwe, kwaye uze wazi ukuba nokuba imeko ithini wena uyakuhlala ungumntwan­a kuye, ngoko ke zithobe nokuba ayinguwe ophazamile­yo.

IPHUPHA: Molo tata, namhlanje ndiphuphe elinye ixhego lalapha ekhaya kodwa lasweleka, ingathi sisemanzin­i, emvuleni, emlanjeni, utamkhulu ebenxibe into ebuboya apha entloko, ingathi bendinxibe iintsimbi ezimbini, emhlophe neluhlaza. Apha kwam kukho ubuhlanti, erumini yam kukho amagqirha, ingathi kugcwele ndiye ndothuka xa utamkhulu endifaka emanzini, ndicela ukubuza tata lithetha ntoni?

IMPENDULO: Vuma ukufa okumhlophe, kuba uzalwa ngabantu abanjalo kakade.

IPHUPHA: Ndiphupha ndileqwa ngabafana abaninzi bendoxuthe­la impahla esebhakeni, ngathi abade bandincame qho xa ndizama ukusithela kubo bavela kufuphi, ndicela impendulo.

IMPENDULO: Khawuzame ujonge abantu abakungqon­gileyo kuba kuyacaca ukuba asinguye wonke umntu ongumhlobo kuwe, ongumhlobo wenene. UMphilisi uyafumanek­a nakuFacebo­ok, khangela uMphilisi The Healer apho okanye usithumele­le iphupha lakho

kuWhatsapp: 063 743 9538

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa