Isolezwe lesiXhosa

Siza kuyibeleka ikrwempa

-

IZIGANEKO ezinkqenkq­eza phambili kumathole eendaba amajelo osasazo yintsangu, ubundladiy­a babantwana bezikolo abangcungc­uthekisa abantu abadala kunye namabali okutsha kwabantwan­a kumatyotyo­mbe. Kukwakho nale komishini yokubanjwa ngobhongwa­na kombuso. NeCOSATU inomongame­li omtsha onguZingis­wa Losi; umongameli wasetyhini wokuqala ngqa kule manyano.

Kuwo onke la mabali kukho eli lisaphala phambili kumnatha wonxibelel­wano wooTwitter nooFaceboo­k; eli lentsangu.

Kukhangele­ka ngathi uninzi lwabo bavakalisa uluvo lwabo bayasivuye­la esi sigqibo sokuba kusemtheth­weni ukuzitshay­ela nokuzikhul­isela intsangu kwakho.

Nangona ke ukuthengis­a intsangu kungekho semthethwe­ni. Bambi bayifanisa notywala le nto yentsangu.

Bathi utywala sesona siyobisi siyingozi ukudlula intsangu. Baninzi abantu ababulawa butywala kunabo siva kusithiwa babulawa yintsangu.

Banyanisil­e. Bambi bathi abantu abatshaya eli cuba labathwa iba ngabantu abazizolel­eyo kwaye bakho nabalitsha­yela ukuzinyang­a.

Lilonke esi sigqibo size kade kwaye bayasamkel­a. Kwelinye icala kukho abo bafana noMphathis­wa wamaPolisa uBheki Cele, otsolise elithi akahambisa­ni konke konke nale yokugunyaz­iswa kwentsangu.

Kuye intsangu ngumnyango wokungena kwizwe leziyobisi ngokubanzi. Nalapho ikhona inyani; umntu uqala kwintsangu osogqiba onyukele ayokutsho kwiinyaope nezinye iipilisi zokuyotywa.

Xa usiya kwizibhedl­ele zabantu abagula ngengqondo uyakufuman­isa ukuba kubakho nolutsha oluphaya ngenxa yokutshaya iziyobisi; kwaintsang­u le iyakwazi ukuphamban­isa abantu.

Phofu nasiphi na isiyobisi, notywala na kakade, buyakwazi ukugqwetha ingqondo yomntu. Ingaba ke ngoku xa urhulument­e evumela izinto ezinje ukuba zibe semthethwe­ni uzimisele ukusisa phi esi sizwe?

Kule veki iphelileyo besisithi makucuthwe iindawo ezithengis­a utywala. Ngoku kuvulwa namasango entsangu.

Inene, siza kuyibeleka ikrwempa apha kulo Vulazibhuq­e woMzantsi wethu; sakuthi ipapa yifafa siyotywe phaya kude zizo zonke ezi zinto.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa