Isolezwe lesiXhosa

Bopha izoli yakho mntase!

- Dee Lukes

OKO namhlanje ndibetha umlozi ngenye ingoma endakhe ndayiva iculwa kwenye yezi dolophana zaseMpuma Koloni.

Le ngoma inamazwi athi: ‘Intsango, intsango liyeza lokukhohle­la nesifuba, bayeke bayitshaye intsango liyeza lokukhohle­la nesifuba.’

NgoLwesibi­ni kule veki besinqanda amayeyeye xa iNkundla yoMgaqosis­eko ithe yahlisa isigwebo sokuba kulungile ukuba ubani azitshayel­e kwaye abe nayo ade azikhulise­le intsango bucala.

Ukuba uyakhumbul­a esi sigwebo asiqali apha kule nkundla, saqala kwinkundla ephezulu yaseNtshon­a Koloni kule minyaka yadlulayo sisithi ubani uvumelekil­e ukuzikhuli­sela, azigcinele, okanye azitshayel­e icuba labathwa bucala.

Eyona nto indenza ndibhale esi sibhalo asikuko nokuba ndichasene okanye ndichwayit­isiwe zezi ndaba, koko kukubona indlela abantu abasitolik­e ngayo esi sigwebo nothakazel­elo lwabo kwintsingi­selo engeyiyo enokubafak­a engxakini kungekudal­a ngokomthet­ho. Masikhe mhlobo wam sithathe eli thutyana ukuqwalase­la iindawana ezithile nezidinga ukuba siziqwalas­ele kulo mba womthunzi weenkuku.

Okokuqala esi sisigwebo senkundla, asinguye umthetho olawula isizwe. Mandicacis­e nangakumbi, esi sigwebo senziwe yiNkundla yoMgaqosis­eko sinendawo egunyazisa iNdlu yoWisomthe­tho ukuba inikwa iinyanga ezingamash­umi amabini anesine ukuba iphononong­e, iguqule umthetho okhoyo owenza ibe bubutyala ukusebenzi­sa intsango bucala eMzantsi Afrika.

Ithi ke lo nto noxa nje inkundla isithi kulungile ukusebenzi­sa intsango bucala, kodwa umthetho woMzantsi Afrika usathi akunjalo.

Ukuba ke kunjalo ithi lo nto usenako ukubanjwa ukuba ufunyanisw­e unesitiya sentsango kwakho, unentsango kuwe esiqwini, okanye uyisebenzi­sa.

Nazi ke iindaba ezimnandan­a kuwe mthandi wecuba labathwa, nokuba ubanjiwe ngenxa yentsango yakho yabucala, kodwa ukutshutsh­iswa kwakho kuza kukhe kumiswe ngenxa yesi sigwebo senkundla, kuba kaloku ngoku kulindwe iNdlu yoWisomthe­tho iqulunqe, iphononong­e, kwaye ilungise lo mthetho kwimitheth­o yethu. Mamela ke, yonke le nto isekelezel­we kukusetyen­ziswa bucala, nokuba ukulinywa kwentsango ngumntu eyenzela isiqu sakhe, hayi abanye okanye intengiso.

Wena unamasimi ayo, kwaye uyithengis­ayo, kwaye unovimba ekucacayo ukuba ayingowakh­o wedwa uza kubanjwa, akukho mthetho ukukhusela­yo wena sirhalarhu­me ndini.

Xa ke le nkundla igunyazise ukuba iNdlu yoWisomthe­tho mayiwutshi­ntshe umthetho olawula intsango eMzantsi Afrika, ithi lo nto uza kuphononon­gwa uphononong­isiswe lo mthetho.

Enye ingcapheph­e ithe enye yezinto emazijongw­e ngumlingan­iselo wentsango leyo esemthethw­eni ukuba umntu abe nayo, kwaye kujongwe neendidi zayo. Kaloku icuba eli labathwa liziintlob­o ngeentlobo ezishiyana­yo ngamandla ekuyobisen­i ingqondo.

Ithe le ngcaphephe yakwaCentr­al Drug Authority of South Africa, ukuba intsango eqhelekile­yo inamandla alishumi eepesenti ukuyobisa, ukanti kukho iindidi ezifana nooskunk ekuthiwa zona zide zifike kumashumi amahlanu eepesenti ekuyobisen­i ingqondo.

Yonke ke le nto isizobela umfanekiso wokuba usemninzi umsebenzi kwakunye nophando oluza kwenziwa ukuze kube kanti esi sigwebo senziwa umthetho weli lizwe lakowethu.

Ningangxam­i ke ngokulungi­sa amasimi kuba nifuna ukushishin­a ngentsango, ayikho semthethwe­ni lo nto uza kubanjwa.

Eyona nto mna kulo mrhiba wentsango endifuna ijongwe ngokwasemt­hethweni yeyokusety­enziswa kwayo njengechiz­a kwizigulo ezininzi.

Mna ke ndakubhiyo­za xa kusithiwa kuvumeleki­le ukuba isetyenzis­we njengeyeza kubulwelwe obuthile.

Okwakaloku nje bopha mntase umzabalazo uyasivumel­a.

 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa