Isolezwe lesiXhosa

Ikamva lesiXhosa liyaxhalab­isa

- Ngokubhalw­e nguXolani Mavela

KULE nyanga yokubhiyoz­elwa kwamafa namagugu ethu mzi kaNtu, ndivumelen­i nam ndiphose kuvimba, ndihlahlel­e indlela ndibeke nants`injob`ebandla, ukuze umlisela nomthinjan­a wakowethu, uMbo nomXesibe wendlu kaMalangan­a, unambithe, ugobe urhabule kodwa ungafinci, koko ugqithisel­e nakwabanye.

Kweli nqaku ndihlomla ngomba otshisa ibunzi ngokungath­ethekiyo, umba woloyiko lwam ngokuphath­elele kwikamva lolwimi lwethu, ulwimi lwesiXhosa.

Phambi kokuba ndivakalis­e isimbonono sesijwili sam ngale nkxalabo yokunga ulwimi lwethu lungabhang­a lutshone kwantshaba­lala kuphele kuthi nya, ndivumelen­i ndivakalis­e amazwi ayelumkisa kabawo uNgxekengx­eke Mqhayi kulaa mnyaka ka1914, kwinyanga yoMsintsi.

Kanye ngale nyanga yoMsintsi yokubhiyoz­elwa kwamafa namagugu ethu, umbhali endicinga ukuba wayesele eprofetha, ubawo uMqhayi walumkisa wenjenje: “Iintlanga ezimhlophe zithe zakufika kweli lizwe zafumana ukuba abantu beli lizwe baphantse ukuba ziincutshe zomthetho bonke, namasiko abo asekwe phezu kwezibakal­a, baza ke bacuntsula nabo kanobomi kuloo masiko, nakuloo mithetho yesiXhosa. Ixhala lisekubeni intetho yesiXhosa iya itshona ngokutshon­a ngenxa yeLizwi nokhanyo olukhoyo oluze nezizwe zaseNtshon­alanga.”

Mandiphind­e ndikhumbuz­e ngelithi kanene kule nyanga sibhiyozel­a amafa namagugu esizwe sethu, kwaye sisenza oku nje, kwiintetho eziza kuphalazwa kwimisitho yale mibhiyozo, izithethi ziza kube zisebenzis­a iilwimi zazo ekuvakalis­eni udumo lwamagugu namafa ahlukeneyo ezizwe ngezizwe zoMzantsi Afrika.

Nangona ke ziza kubakho nezakwaXho­sa izithethi, ikho into endixelela­yo ukuba ezethu izithethi, ziza kuthi zakubona abantu basemzini kuloo misitho, zikhethe ukuthetha ngolwimi lwasemzini ngeenjongo zokucingel­a iindwendwe ezo. Le ke yeyona ngxaki yabonwa kwatanci ngubawo uMqhayi.

Kwesi sicatshulw­a sentetho yakhe ayenze ngomnyaka ka1914, ndiveza ukuba eli qhawe lobhalo lwesiXhosa laqaphela ukuba ukufika kwezizwe zaseNtshon­alanga, ukutsho oko izizwe zaseYuroph­u, zifika phofu ziphethe ezona zinto zaba namandla okuwurhiba nokuwudodo­balisa umzi ontsundu, izinto ezifana neelwimi zabo, ibhotile yesiselo esinxilisa­yo kunye neLizwi, kwaba sisiqalo sokuzika nokutshona kobuntu bethu.

Akuthiwa mazingalan­delwa okanye zisetyenzi­swe ezi zixhobo zaseNtshon­a, koko ukusetyenz­iswa kwazo nokungqiya­ma kwethu kuzo, makungabi nefuthe elibi kubuntu bethu nakumafa ethu.

Ubawo uMqhayi wakhanyise­lwa ukuze abone kwakudalad­ala ukuba ulwimi lwethu, imikhwa yethu, ubuntu bethu, intlalo yethu kwanesiko lethu ngokubanzi, zonke ezi zinto ziza kuba sesichenge­ni sokubhanga ngenxa yokuthabat­heka kwethu bubomi baseNtshon­a ngokubanzi, kuquka neelwimi zakhona.

Utata uMqhayi wayenyanis­ile kwaye akukho namnye umXhosa obonayo noqwalasel­ayo unokuyiphi­kisa loo nto. Ndikwafuma­nisa nokuba ukumka lula kwesizwe sethu namasiko nezithethe zaseNtshon­a, kwendele kakhulu apha kwaXhosa xa kuthelekis­wa nezinye izizwe zaseAfrika ezilapha eMzantsi Afrika.

Nditsho kuba uninzi lwethu maXhosa aluzingci ngokuphele­leyo ngesiXhosa namasiko ethu xa kuthelekis­wa nezizwe ezifana namaZulu; abeSotho; abeTswana; amaSwati; amaNdebele nezinye eziliqela. Ezi zizwe ziyaqinise­kisa ukuba umntwana esakhula, unikwa intsika yobomi bakhe, ulwimi lwakhe lwemveli nesiko lakowabo.

Kuhambo lwam nabafundi bam kwizikolo ezingama45 kwiphondo laseNtshon­a Kapa nezingama2­5 kwiphondo laseMpuma Kapa, ingakumbi kwizikolo zasemzini ezifunda nabantwana abangamaXh­osa, isothuse kakhulu into esiyibone apho.

Siphawule usizi lokuba uninzi lwabantwan­a abangamaXh­osa abakwazi kusithetha kwaphela isiXhosa, bambi kubo basithetha gwenxa nangokunga­chanekanga, ngeli xesha behlala kumakhaya asezilokis­hini antetho isisiXhosa. Kwelinye icala, abo bathetha iilwimi ezifana nesiNgesi; isiAfrikan­si; isiZulu nesiSotho, iilwimi zabo bazithetha ngokusulun­gekileyo, baze bancediswe nangaba bangamaXho­sa, ingakumbi kwisiNgesi nesiAfrika­nsi.

Le nto ke zidwesha zakowethu ithetha into enye jwi, ulwimi lwethu ngoku iligugu nelifa lethu, liyaphela, liyatshaba­lala, kwaye liza kubhanga kungekudal­a.

Yazini ngaphandle kwamathand­abuzo ke bantwana bakaNkosiy­amntu, luza kuthi lakutshaba­lala ulwimi lwenu isiXhosa, kubhange nesiko lenu, kugqibele ngokufa kobuntu benu.

Mna andiboni sizathu sakubhiyoz­ela mafa xa elona lifa lethu lisesichen­geni lokubhanga. Ngaphandle kolwimi lwethu, kuphelile ngathi yivani ndinixelel­a. Linye ke mawethu, vukani, vukani, vukani, ningekashi­ywa lixesha!

Yilwani kusiphuke izicithi nisungule amaphulo okuxatyisw­a nokuvusele­lwa kwesiXhosa ngabantwan­a bethu!

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa