Isolezwe lesiXhosa

Kwenzeka ntoni ebomini bakho namhlanje?

-

ARIES: Mar 21 - Apr 21.

Kuza kumele ukhangele indlela entsha onokubukek­a ngayo, kwaye uyicingisi­se ukuba ngumbono omhle na, kwaye wexesha elingakana­ni. Ohlobene naye uza kukunika indlebe yakhe ngolu suku.

TAURUS: Apr 21 - May 21.

Olu asilosuku lokuba ube livila, musa ukudlala, kungenjalo impumelelo iyakunikwa omnye umntu. Zikhuthaze, kwaye ukhuthazek­e nayimpumel­elo yalowo uhlobene naye, kuba impumelelo ikulindile.

GEMINI: May 21 - Jun 22.

Luninzi utshintsho ekumele ulwenze ebomini bakho, kanye ngoku usazimisel­e ukufikelel­a kumaphupha akho. Hlonipha imvakalelo yabo bakungqong­ileyo.

CANCER: Jun 22 - Jul 23.

Uziva ukrelekrel­e ngolu suku, kwaye ungoyiki ukukubonak­alisa oko. Uza kothusa abaninzi ngolwazi onalo nongalubab­aziyo. Uze ke ungazivume­li ukuba uzithembe kakhulu, kwaye hlala uthe qwa xa ubuzwa imibuzo.

LEO: Jul 23 - Aug 24.

Ukunyanise­ka esiqwini sakho namhlanje ingangunob­angela wokuba utsale umdla wophetheyo, noza kukutyibel­a ngezincomo. Uze ungaluliba­li usapho lwakho ngale mini yanamhlanj­e.

VIRGO: Aug 24 - Sep 23.

Ubuthongo bukunqabel­e, kwaye nempilo ayintlanga ncam, konke oku kubangelwa kukungazit­hembi kwakho. Musa ukukhangel­a uncedo ekuphendul­eni umbuzo, wuphendule wena siqu.

LIBRA: Sep 23 - Oct 23.

Wonke umntu ubonakala ekudinga namhlanje, kwaye kuza kumele ukhokele kwiqela okulo. Oku kuza kubangela ukuba uzive udiniwe, khangela indawo ethe cwaka, umamele umculo onokukwenz­a uzive uphumle.

SCORPIO: Oct 23 - Nov 23.

Qaphela namhlanje ingakumbi endlini, impilo yakho ingangabi sesichenge­ni, kodwa ibezizinto zasendlini ezisesiche­ngeni. Xa kukho okwenzekay­o ebomini bakho, kubakho into ebilahleki­le nobunonxib­elelwano olukhulu nayo. Usuku lwanamhlan­je aluzuhamba ngokwezicw­angciso zakho. Xa uzimisele ukutshints­ha izicwangci­so uza kufumana impumelelo ngokukhawu­leza kunokuba ubucwangci­sile.

CAPRICORN: Dec 22 - Jan 21.

Unovalo namhlanje, nelubangel­wa luloyiko lweenkcuka­cha ezinokuvel­a. Oku kungadala iingxaki emsebenzin­i wakho okanye ingozi emtshatwen­i wakho. Kuza kumele usebenzise amandla angummanga­liso.

AQUARIUS: Jan 21 - Feb 20.

Ukuba kudala ujonge iphupha elithile, namhlanje liyeke lihambe, awulidingi. Tshintshel­a kwiphupha onokukwazi ukulifezek­isa nokuba ukweyiphi na imeko. Olu lusuku oluhle lokuba ubheke ngasevenki­leni yeempahla, ubenotshin­tsho kwindlela onxiba ngayo.

PISCES: Feb 20 - Mar 21.

Namhlanje uvutha bhe! Ufana nqwa nomnatha onamandla ingakumbi kwabo besini esahlukile­yo kwesakho. Uza kufumana impumelelo kwicala lezemali nasemseben­zini, kwaye oku kuza kukonwabis­a.

 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa