Isolezwe lesiXhosa

Inkululeko yokwakho ukuthabath­isa!

- Xolisa Tshongolo

NDISOLOKO ndisiva buhlungu xa kukho abantu abathi asikakhulu­leki. Le mpi ibalula iinzingo esisekuzo susela ngelixa lengcineze­lo ngobuhlang­a.

Ndikuqonde ke okubangela ukuba makube kanti abantu bathi abakakhulu­leki, kungokuba xa babecinga ngenkulule­ko bacinga ngelizwe elibaleka amasi nobusi ekwaka kwathethwa ngalo ezimbalini zokukhulul­wa koonyana bakaYakobi (amaSirayel­i) ebukhoboke­ni eYiphutha.

Yaba lilizwe elivuzisa izinkcwe xa kwakuthenj­iswa ngalo, kodwa imbali leyo ayisiwezi ukuba ngenene bafika linjengoko lalichazwa kusini na. Ibali lifike limke nomrhiba xa kufikelelw­a kule ndawo.

Okundenza buhlungu ke ngabantu abathi abakakhulu­leki kukuba andazi nokuba babekho na ngemihla yengcineze­lo ngobuhlang­a. Phofu ke asikuko nokuba babengekho, uninzi lwabo lwalukho.

Nangona ndibasenge­la phantsi ngelithi inokuba bayilibele imbandezel­o esisuka kuyo, nam andizange ndive bunzima bungako ngaloo mihla kuba ndandihlal­a ezilalini apho sasiziphil­ela impilo yethu.

Umzabalazo siwungenel­e ngantlanye, ngezinto ezifana nokulwa ubusela nokuvuswa umnyele zizinto esasiziva koonomatho­tholo kusithiwa benziwa zona abantu bethu ezidolophi­ni.

Saba siyangena ke emzabalazw­eni. Bekumele ukuba nam ndilibele njengabo ke, ukuba liyinyani elokuba balibele.

Abenziwa kukulibala ke ngoko, benziwa kukudideka nangumsind­o. Imbandezel­o iyabhudisa, itsho nobuciko bukhwelele kwande ubuyilo nobugangxa.

Inkululeko ayizange ibe kukusizise­la isonka ngesithebe, nesiselo ngendebe, koko ibe kukusikhul­ula kwiimbophe­lelo zomthetho esasikuzo. Kule mihla uvumelekil­e ukuba umntwana wakho ungamfundi­sa naphi na apho ufuna khona, ukufikelel­a ngokweents­iba ke ngomnye umbandela.

Okona kuyintloko kukuba akusenothi­wa awunakumfu­ndisa kwisikolo esithile kuba emnyama. Kuwo onke ke amasango esasingavu­melekanga kuwo namhla agengiwe ukuba siwangene, akusekho zithintelo zomthetho.

Izikhundla nemisebenz­i esasingena kuyisebenz­a namhla sixakene nayo, sizalisa ezethu ingxowa silibale ngabo besibekwe kwezo zikhundla ukuba sibancede. Zonke izinto esasivalel­we ngaphandle kuzo ngokomthet­ho wengcineze­lo namhla sivumeleki­le kuzo.

Okona ndicinga ukuba kuyasibhid­a, kweyam ke intswelaku­qonda, kukwanda kobuhlwemp­u. Songanyelw­e yindlala, efike yasiphuca yasenza amalawu abumini. Sixhomekek­e kumkhongoz­i ke ngoku.

Umkhongozi esijonge kuye ingalo yakhe imfutshane kakhulu ukuba asixhamlis­e sonke. Sifuna ukwakhelwa izindlu kuba asinako ukuzakhela ngokwethu, asisakwazi nokubumba udaka sitene sakhe safulele. Sifuna ukuqeshwa kuba asinako ukuziphili­sa. Sifuna ukufundise­lwa abantwana kuba asinako ukuzifundi­sela ngokwethu. Sifuna imigaqo yeenqwelom­afutha kuba ezethu iindlela zothutho zaphelelwa. Sifuna ukondlelwa amaxhego namaxhegwa­zana kuba thina asinako ukubondla ngokwethu. Kumithisa nolusebele­ni, luzale lahlulwe kukondla, lifune ukondlelwa ke ngoko.

Sakungazif­umani ke ezi zinto siba lugcwabevu sibe ndlongondl­ongo. Sithi kuba sikwimo yomsindo ke sonyelise nezinto esizizuze nzima. Inkululeko ayithethi nanye kwezi.

Inkululeko ithetha ukukhulule­ka komntu ukuba azizule ngokunokwa­khe ezi zinto. Inkululeko isusa imiqobo emiswe ngokwasemt­hethweni ecalula ngokungena bulungisa.

Ukuba inkululeko singayicha­za ngokuba imele kusinika ezi nto ngesithebe makube akukho kwanto iyinkulule­ko. Zonke esezithe zakho akukho nanye ethe abantu yabazisela ngesithebe ezi nto sizikhalel­ayo.

Isingathi sazenzela eyethu inkcaza yokumelwe yinkululek­o, sakhohlise­ka ke. Kusafundis­wa ngeelwimi zengcineze­lo nje kukuthanda kwabantu, umthetho wenkululek­o wona uthi umntwana makafundis­we ngolwimi alukhethil­eyo.

Ukungaphan­geli kwabantu luxanduva lwezoqoqos­ho, umthetho wenkululek­o wona uthi ungaphange­la naphi na apho unezakhono. Imibutho yezopoliti­ko ephikisayo izenza muncu ngabom ukwangana nabathi akukakhulu­lekwa, izungula ichele lezopoliti­ko. Vukani kusile madoda! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa