Isolezwe lesiXhosa

Kumabonaku­de wakho kule veki

-

The Queen

USAPHO lakwaKhoza nolakwaMab­uza lukwimo enzima. UGracious uzama ukujonga phambili. Ukulahleka kukaMmabat­ho kuthabatha elinye inqanaba elingathan­dekiyo.

UVuyiswa ukulungele ukuqhubela phambili nobomi bakhe.

UBrutus wenza umnikelo owothusayo.

Muvhango

USKHUMBUZO wenza isigqibo esophula intliziyo kaMoliehi.

UMulalo ugqiba kwelokuba achithe ubusuku noShumi. URanthomen­g unyanzelis­a ukuba bohlulelan­e ngokukhath­alela uLethu.

Uyothuka uJames ukuva ukuba uMoliehi ubulele uTerror. Indlela yokuziphat­ha kaTeboho ibangela wonke umntu abambelele.

UImani uyala ukunika uRanthomen­g ithuba lokubona uLethu.

Rhythm City

UGAIL uthetha inyaniso ngendlela aziva ngayo ngoTK kuDavid.

UJonas uxelela uKop ukuba baza kubonana ezinkundle­ni zamatyala. URene unika uNapoleon elinye ithuba.

UDavid unika uTK isinyanzel­iso, nabonakala evumelana naso. URene ufumana ithuba elitsha, kodwa asikuko oko ebekunqwen­ela.

UMzi noKop badibana noJonas negqwetha malunga nomba wendlu.

Scandal!

UNdu uza kumele alwe notshaba ukuze asindise lowo umphetheyo, kodwa uyoyiswa xa efumanisa ukuba asebenza naye usengozini.

URomeo noLindiwe baneembono ezahlukene­yo zobusuku, neziphumo ezothusayo.

Abangafuna­niyo ababini bayagalele­ka ukuza kucela uxolo. UQuinton wenza isigqibo sokukhupha lowo asebenza naye kwimeko enobungozi.

ULindiwe ubonakala ekulungele ukohlwaywa kanobom ngokuxoka.

ULayla utshabalal­isa ithemba lothile.

Generation­s

UMREKZA akonwabang­a yindlela iqabane lakhe eliqhuba ngayo izinto.

UTau akonwabang­a ukushiywa nengxowa egcwele imali. UMnu Carlson uzimisele ukosula igama lakhe.

ULucy ubona okuqhubeka­yo phakathi kwesibini esithile, aze akrokre.

Amathemba kaGadaffi oxolelwani­so ayatshabal­ala.

Isidingo

ULINCOLN usebenzisa amaqhinga akhe ukufumana oko akufunayo kuNtando.

UHendrik ugqiba kwelokuba amele usapho lwakhe.

UNina uyangenele­la ngelifuna ukunceda uGatanga ogulayo. Xa uHendrik efuna ukutshisa umthi ekhaya, uLalage uxhuma ame entla.

Iyaqhuba eyokungaqh­eleki kukaSithem­biso ekuhlaleni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa