Isolezwe lesiXhosa

UVumenjani ufuna iindebe ezimbini kwiDowns yakhe

- NONDWE TYILO

NAKUBENI iMamelodi Sundowns ingayiqala­nga kakuhle isizini entsha – kodwa umlandeli wayo, uNondima Vumenjani, uthi iqela lakhe linalo ithuba lokuphumel­ela iindebe ezimbini phambi kokusongwa kwesizini.

Lo mlandeli weSundowns uzityande igila kwincoko abe nayo neli phephandab­a kutshanje.

NONDWE TYILO: Leliphi iqela olilandela­yo kwiPSL?

NONDIMA VUMENJANI: Iqela endililand­elayo yiMamelodi Sundowns, umdlali endimthand­ayo nguPiyani Mabunda noDavid Kekana.

NT: Uqale nini ukulandela eli qela lakho kwaye watsalwa yintoni kulo?

NV: Ndiqale emva konyaka ka2000. Ndandingum­landeli woMtata Bush Bucks, emva kokuthotyi­selwa kwayo ndaye ndalandela iMamelodi Sundowns.

NT: Uzive njani emva kokuba iDowns ibambene naMazulu ngempelave­ki?

NV: Bendilinde­le ukuba baphumelel­e, ngelishwa badlale ngokulinga­na. Bekungekho lula, AmaZulu ebequqa equqile ebhokisini kuba besidlalel­a endaweni yawo. Ndixolile ziziphumo zomdlalo.

NT: Yintoni oyinqwenel­ayo kwiqela lakho emva kokuba liphume kwiChamps League?

NV: Eyona nto endibanqwe­nelela yona kukuba bagxile ekukhusele­ni indebe yePSL ngoku nanjengoko bezintshat­sheli zesizini ephelileyo. Bazame ukuthatha iNedbank Cup kunye neTelkom Cup.

NT: Xa ujongile, ningayikhu­sela le ndebe yePSL?

NV: Asekhona amathuba kwaye maninzi. Xa ungajonga kwisizini edlulileyo, besibethiw­e kwimidlalo emine. Kule sizini asikabethw­a, sidlale ntanganye kwimidlalo ethile. Ithi lo nto kuse kutsha ukuba singalahla ithemba kwaye sineqela elomeleley­o nabadlali abaselula abazimisel­eyo. Phambili Mellow Yellow!!

 ??  ?? NONDIMA VUMENJANI
NONDIMA VUMENJANI

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa