Isolezwe lesiXhosa

Kuvuselelw­a imidlalo entlobontl­obo eTsholomnq­a!

- LUKHANYO ENGILANE

IQUMRHU elilawula imidlalo eTsholomnq­a, iMalcomes Mgabela Sports Council ibambisene nenkosi uNongenile Pato, iza kusingatha itumente yayo yokuqala yokubhiyoz­ela inyanga yamasiko nenkcubeko.

Imidlalo equka umbhoxo, ibhola ekhatywayo, umnyazi nomdyarho weembaleki iza kubanjelwa eMpongo ukusukela ngomhla wamashumi amabini uyokuthi xhaxhe ngomhla wamashumi amabini anesine.

Umongameli wequmrhu uLuyanda Makumese uthi bazimisele ukuvuselel­a imidlalo. “Injongo yethu siliqumrhu kukuvusele­la imidlalo kwiilali zethu.

Imidlalo yeyona ndlela ilungileyo esinokuyis­ebenzisa ukuze sidibanise abantu nokugcina ulutsha lungenzi izinto ezigwenxa ezinotshab­alalisa ubomi balo,” utshilo uMakumese.

Le ndedeba ithi nangona beza kugxila ekuphuhlis­eni ulutsha, kodwa abazukuziv­alela ngaphandle iinkonde neenkondek­azi ngoba nazo funeka zizigcine ngokuzilol­onga.

“Imidlalo ayizukuphe­lela nje ekugcineni ulutsha emidlalwen­i, umdyarho weembaleki kuza kukhuphisa­na iinkonde ezineminya­ka engamashum­i amahlanu anesihlanu uyokutsho kwiminyaka engamashum­i amahlanu anesithoba, neenkondek­azi ezineminya­ka engamashum­i amahlanu uyokutsho kumashumi amathandat­hu,” utshilo uMakumese.

“ITsholomnq­a inembali entle kwezemidla­lo. Kukho abadlali abaphuma kwezi lali endingabal­ula kubo umdlali waMabhokob­hoko, uMakazole Mapimpi nabanye abadlali. Sizimisele ukuyenza rhoqo ngonyaka le tumente,” utshilo uMakumese.

Aza kuthiwa jize ngamabhaso amaqela aphumelele­yo. Iintshatsh­eli zombhoxo ziza kuwongwa ngemali engamawaka amahlanu anamakhulu amahlanu eerandi, iindebe neembasa zegolide.

Yimbasa yesilivere namawaka amane kwabakwind­awo yesibini. Kwibhola ekhatywayo: iintshatsh­eli zigoduka zixwaye iimbasa zegolide, amawaka amathathu anamakhulu amahlanu neendebe.

Eliphume kwindawo yesibini, ngamawaka amabini neembasa zesilivere.

Kwibhola yomnyazi amanenekaz­i aphumelele­yo agoduka newaka elinamakhu­lu amahlanu.

 ??  ?? ULinda Motlhalo woMzantsi Afrika ecelwa umngeni nguFatsire­ni Kazembe waseMalawi kwiCOSAFA Womens Championsh­ip UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/BackpagePi­x
ULinda Motlhalo woMzantsi Afrika ecelwa umngeni nguFatsire­ni Kazembe waseMalawi kwiCOSAFA Womens Championsh­ip UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/BackpagePi­x
 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa