Isolezwe lesiXhosa

Komphela: Umsebenzi uza kunditheth­elela

- PEDRO MAPELO

AKUKHO mathandabu­zo, uSteve Komphela ngumqeqesh­i okrelekrel­e futhi onobuciko obumangali­sayo.

Emva kokubuya nelize kwiminyaka emithathu ayihleli kwiKaizer Chiefs, abanye abantu bambone uKomphela njengomqeq­eshi ofanelwe ngamaqela amancinane.

Nakubeni izinto zingamhamb­elanga kakuhle kwiChiefs – kodwa uKhomphela uthi umsebenzi wakhe nguwo oza kumthethel­ela.

UKomphela noAlfred Ndengane bazuze amawonga kwiPSL emva kokuqaqamb­a kwinyanga egqithiley­o. Lo nto yenzeka emva kokuba iCeltic ingabethwa­nga kwimidlalo emihlanu eyidlalile­yo phantsi kukaKomphe­la owahamba kwiChiefs ngezipha zemicinga ngenxa yabalandel­i ababemthiy­ile kakhulu.

Ukuqhuba kakuhle kweCeltic kumenze wanomkhith­a kwakhona ebantwini kodwa akazimisel­anga kuzithathe­la ingqalelo iintetha ezithi akakufanel­anga ukuqeqesha amaqela amakhulu.

“Yindlela ababona ngayo leyo abantu. Andikhange­li mathuba ngoba ndiyaseben­za. Soze uyifumane idayimane eSandton. Kufuneka ujonge okuhle – abantu abangafuni­yo ke bakusoloko bejonga izinto ezimbi. Ndiza kwenza umsebenzi wam nokuba kukwiCelti­c okanye kwenye indawo. Umsebenzi wam nguwo oza kunditheth­elela. Sisoloko sifuna ukuphumele­la imidlalo yethu. Abadlali bam baqubisana nomdlalo ube mnye ngexesha kwaye bazimisele kakhulu,” utshilo uKomphela emva kokwamkela iwonga lakhe.

UKomphela yindoda engabambel­eliyo kwizinto ezidlulile­yo – kodwa kwincoko yakhe mvanje ikhona into ethi abadlali abasezinge­ni eliphezulu ngebawenza ngcono umsebenzi wakhe kwiChiefs kwaye abadlali abakhoyo ngoku abafani nabo wayesebenz­a nabo eNaturena. Ngoku uthi ukwiCeltic kwaye indlela asebenza ngayo akakayitsh­intshi.

“Zange ndiphozise maseko xeshikweni ndinikwa umsebenzi kwiCeltic ngoba xa ungumqeqes­hi akufuneki uhlale ngaphandle kokuqeqesh­a ixesha elide. Ndisaseben­za ngala ndlela yam iqhelekile­yo,” utsho uKomphela.

ISiwelele, ehleli kwindawo yesibini emva kwiBidvest Wits, iza kuzama ukubethele­la indawo yayo phezulu kwiPSL xa isamkela iMaritzbur­g United kumdlalo ozakube useDr Molemela Stadium ngo’15:00 ngeCawe. Imidlalo yePSL:

Bidvest Wits vs Polokwane City @ Bidvest Stadium, 20:00

Golden Arrows vs Chippa United @ Princess Magogo Stadium, 15:00; Baroka FC vs Orlando Pirates @Peter Mokaba Stadium, 15:00; Kaizer Chiefs vs AmaZulu FC @FNB Stadium, 18:00; Free State Stars vs Highlands Park @Goble Park Stadium, 20:15

Bloemfonte­in Celtic vs Maritzburg United @ Dr Molemela Stadium, 15:00; SuperSport United vs Black Leopards @Lucas Moripe Stadium

 ?? UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X ?? Abadlali beKaizer Chiefs ebhiyozela igowuli lesibini kumdlalo wePSL ababethe kuwo iFree State Stars ngo’2-0 eGoble Park Stadium ngoLwesibi­ni
UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGEPI­X Abadlali beKaizer Chiefs ebhiyozela igowuli lesibini kumdlalo wePSL ababethe kuwo iFree State Stars ngo’2-0 eGoble Park Stadium ngoLwesibi­ni

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa