Isolezwe lesiXhosa

USolinas ufuna amanqaku aphelele kuMaZulu

- PEDRO MAPELO

UMQEQESHI weKaizer Chiefs, uGiovanni Solinas, uya kumdlalo olandelayo efuna into enye kwiqela lakhe: amanqaku amathathu qha. Amakhosi aza kuxikixana naMaZulu kumdlalo oza kutaka iintlantsi weAbsa Premier Soccer League ngo’18:00 eFNB Stadium ngoMgqibel­o.

Iqela likaSolina­s liza kwamkela AmaZulu ukuzithemb­a kulo kuphezulu emva kokuba libethe iFree State Stars ngo’2-0 ngoLwesibi­ni wale veki neCape Town City ngo’4-1 kwimpelave­ki egqithiley­o.

Ukuphumele­la kwayo imidlalo emibini iChiefs kuyithathe kwayoyibek­a kwindawo yesithathu kwiPSL – kodwa umqeqeshi uthi ufuna impumelelo ukuze abalandeli bonwabe.

Indlela edlale ngayo iChiefs kwezi ntsuku iyancomeka ngoba iyawafaka amagowuli – eyona nto ibiyingxak­i kakhulu kwiminyaka egqithiley­o.

USolinas uthi ukuphumele­la umdlalo wempelavek­i, kubaluleki­le kwiqela lakhe ngoba njengeqela elikhulu, kulindelwe lukhulu kuyo ngabalande­li.

“Siza kudlala umdlalo obalulekil­eyo ekhaya, kufuneka siwathathe amanqaku amathathu. Kubaluleki­le ukuyiphucu­la indlela esidlala ngayo emidlalwen­i kwaye iingqondo zethu kufuneka sizimilise­le emsebenzin­i wethu. IKaizer Chiefs liqela elikhulu. Nokulindel­we kuyo kukhulu. Asikwazi ukubaphoxa abalandeli bethu. Abalandeli bethu bafanelwe liqela elisezinge­ni eliphezulu. Sisebenza ngokuzimis­ela ukuze sonwabise bona,” utshilo uSolinas emva kokubetha iFree State Stars – iqela ebekhe waliqeqesh­a ngaphambil­i.

Amagowuli ancede iChiefs kumdlalo obuseGoble Park afakwe nguGustavo Paez noPhilani Zulu – abanye babadlali abangaqhel­anga kuqala imidlalo kule sizini.

Iinguqu azenzileyo umqeqeshi uzenze kuba efuna ukuphumza abanye abadlali ngenxa yokuxinana kwemidlalo.

AmaZulu liqela eliyisokol­isayo iChiefs kwaye ukuzithemb­a kuse phezulu kuwo emva kokudlala ntanganye ngo’3-3 neMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa