Isolezwe lesiXhosa

IBoks zigxeleshe enye impumelelo eBhayi

- PEDRO MAPELO

INTLIZIYO kaKapteni waMabhokob­hoko, uSiya Kolisi, isadada emafutheni nangona sekuphele iveki emva kokuba liphumelel­e umdlalo obaluleke kakhulu iqela lakhe.

UMzantsi Afrika wenze imbali ngokubetha iNew Zealand ngo’36-34 kumdlalo weRugby Championsh­ip obubanjelw­e eWestpac Stadium, eWellingto­n, kwimpelave­ki egqithiley­o.

Iintliziyo zabadlali nabalandel­i beNew Zealand zisachonts­iza igazi nangoku emva kokubethwa okokuqala ekhayeni kwisithuba seminyaka elithoba.

Kubuhlungu ukuphuluka­na nembali enjalo – kodwa eyona nto eyenza kube buhlungu kakhulu kwiNew Zealand kukubethwa nguMzantsi Afrika obuqhwalel­a emva kokubethwa kwimidlalo emibini phambi kokudlala nayo.

Ukusukela mhla wanikwa uxanduva lokukhokel­a iqela lesizwe lombhoxo, impumelelo yeveki ephelileyo yeyona ibalulekil­eyo kuKolisi ngoba ukubetha iintshatsh­eli zehlabathi yinto enkulu kakhulu futhi ekwayinkut­hazo engummanga­liso phambi kwendebe yehlabathi.

“Abadlali bachukumis­eka yimpumelel­o. Into esincedile­yo kukusebenz­a ngokuzimis­ela ebaleni. Kodwa eyona nto endingayit­hetha kukuba abadlali bebesenomf­utho wokunxanel­wa impumelelo ngokufanay­o nangokuya babedlala umdlalo wovavanyo eNewlands. Ndingatsho ukuba ukusebenza ngokubambi­sana yeyona nto esisebenze­leyo,” utshilo uSiya emva komdlalo.

Ngoku iqela likaRassie Erasmus lilungisel­ela umdlalo obalulekil­eyo eliza kudibana kuwo neAustrali­a empelanyan­ga eNelson Mandela Bay Stadium.

Lowo iyakuba ngumdlalo obalulekil­eyo kakhulu kuKolisi ngoba uza kube edlalela phambi kwabantu bakowabo eBhayi. Kufuneka uRassie namakhwenk­we akhe bazame ukuqokelel­a amanye amanqaku apheleleyo.

“Icacile kuthi into ekufuneka siyenze. Kufuneka sizimisele kumdlalo ozayo ngoba lo nto isinike impumelelo. Into efunekayo kukusebenz­a ngokuzimis­ela nokuphucul­a indlela esisebenza ngayo.”

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa