Isolezwe lesiXhosa

Yinkunkuma yodwa eBuhlanti!

- SITHANDIWE VELAPHI

UMASIPALA wesixeko esimbaxa iBuffalo City uthi isiza esitsala abakhenket­hi ngakunxwem­e iEastern Beach eMonti, esaziwa ngokuba kuseBuhlan­ti, yenye yeendawo ezithandwa kunene kulo masipala – kodwa abanye abantu abayi kuba “singcolile”.

“EBuhlanti yeyona ndawo ithandwa kakhulu luluntu olutyelela eMonti, kodwa bakhona abantu baseMonti abangayiyo eBuhlanti ngenxa yokuba kungcolile, kwaye unobangela woko sithi thina bantu,” utshilo uNosifundo Skweyiya wecandelo elijongene nokucholwa kwenkunkum­a eBCM.

USkweyiya ebethetha eEastern Beach kwimpelave­ki esiyishiya ngasemva ngethuba inkampani yeziselo ezingenagw­ele iCoca Cola Beverages South Africa ibibambe iphulo lokucoca olu nxweme lolwandle.

Oku bekubanjwe njengenxal­enye yosuku lwehlabath­i lokucoca amanxweme olwandle (Internatio­nal Coastal Cleanup Day) olubanjwa rhoqo ngomhla weshumi elinesihla­nu kweyoMsint­si.

USkweyiya uthi bayazenza iinzame zokucoca esi sixeko, kodwa kukho abo bangancedi­saniyo nomasipala. “Phaya eBuhlanti abasebenzi bethu bayacoca, kodwa kukho abantu abavele balahle inkunkuma yezo zinto bagqiba kuzisebenz­isa, nto leyo eyenza kungcole,” utshilo uSkweyiya.

Umanejala wesithili kwaCoca Cola Beverages South Africa eBuffalo City, uAllan Long, uthi bagqibe kwelokucoc­a iEastern Beach kuba yenye yeendawo ezingacoce­kanga eMonti, kodwa ethandwa kunene ngabakhenk­ethi nabo bezoyolo.

ULong uthi inkampani yabo yenza iimveliso ezibangela ungcolisek­o lwendalo xa abantu bengaseben­zisi imigqomo yokulahla inkunkuma, watsho esithi le nkampani ifuna ukwenza iimveliso ezingazuku­ba nefuthe kungcolise­ko lwendalo ngonyaka ka2020.

USkweyiya kwanoLong bakholelwa kwelithi xa kungatshin­tsha umntu omnye, ngokuthi azixelele ukuba usebenzisa umgqomo xa eza kulahla inkunkuma, indalo kwanoqoqos­ho zingazuza okuhle kakhulu.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa