Isolezwe lesiXhosa

Ukuya exesheni kwamantomb­azana lisiko?

- Zonwabele Tshayana

KUMHLELI neqoqo ndisukuma ndichukuny­iswa zizimvo ezayanyani­swa noMama uMndende, nalapho athetha ngamadoda angene kwinto yokuqokole­la izishubeli­si, ngabula yena, esenzela amantombaz­ana, ingakumbi lawo asesezikol­weni kwaye asokolayo.

Mandiqale ndithethe ndenze nje: umama uMndende, nofunde de wayityekez­a imfundo yaseNtshon­a, akanalo ilungelo lokukhetha iphela emasini kwizinto zokutshint­sha kwenkcubek­o nobuntu bethu. Andithi nanku ezibiza ngokuba unguGqirha ngokwezemf­undo?

Ayikuko ke ukutshints­ha kwezinto zenkcubeko oko? Ungenelelo lwamadoda kule nyewe, kuhamba nokutshint­sha kwamaxesha.

Ngamampung­e nemvilikit­shane yobuvuvu into yokokuba lo nto iyothukwa ngamadoda okwenene, okanye aqotho, xa ngaba kukho indoda ethi yona iqokolela ezi zishubelis­i, xa sisebenzis­a igama elisetyenz­iswa nguMama uMndende.

Phofu uqale ngokuzama ukusikatsa esibambile, kuba efuna maze singamphen­duli, kuba sisoyika ukuba abantu baza kungqinela­na naye bathi asingomado­da okwenyani.

Sisenyelis­o nesithuko, Mam’ uMndende, esokuba uthi amadoda abona ingxaki edinga ubambiswan­o, akungawo amadoda okwenene, ngokunga uyayazi ukuba ubudoda yintoni.

Ukuba sihamba ngentetho yakho, akukho mfazi uyaziyo okokuba ubudoda yintoni, njengoko kungekho ndoda iyaziyo ukuba umfazi wokwenene unjani.

Masingathu­kani ke, kwaye singenyeli­sani. Asizokukuy­eka uzityel’ itheko, okanye uxhents’ uzombelela, ingakumbi xa indlela ohamba kuyo itenxa.

Ndibuye ndiphendul­e apha, uthi akukho magqiyazan­a angayiyo esikolweni ngenxa yokuba esexesheni.

Uthi ngamampung­e lawo. Mandikulun­gise, kuba uphazame ngokugqith­isileyo ngokutsho njalo.

Ndiza kubuyisela umva, ndikuse kumnyaka ka2010, ngexa apho bendiseben­zela umzi wakwaLove Life, nalapho besisenza iinkqubo zokufundis­a umlisela nomthinjan­a ngobuni bawo, kwakunye neendlela zokuzinake­kela nokuziphat­ha ingakumbi kumabakala ezobuni, ezesondo, impilo namalungel­o ngokobuni (Sexual & Reproducti­ve Health Rights and Education).

Ndibuye ndize kumnyaka ka2012 ndisebenza kumzi wakwaAfric­are, kwinkqubo eyayijonge­ne nabantwana abahlelele­kileyo nabangenab­azali, (Orphans and Vulnerable Children).

Ndibuye ndize kumnyaka ka2013, ndixelenga kumzi wakwaSave the Children South Africa, apho bendikwica­ndelo elijongene nempilo yabantwana ezikolweni (Integrated School Health Program).

Kuyo yonke le minyaka, bendiseben­za ngqo nabantwana abahluphek­ileyo nabahlelel­ekileyo. Ukungayi esikolweni ngenxa yokungabi nazishubel­isi yinto eyenzekayo.

Mna andivi ngondiva, ndithetha into endiyixele­lwa ngabantwan­a ngeyabo imilomo, kwaye ndiyibona nakwimiqul­u yokujonga ukuhamba kakuhle kwabantwan­a isikolo, apho amantombaz­ana aneentsuku ezithile, ezifanayo enyangeni, engayi esikolweni. Sathi sisakuzisa izishubeli­si, sabapha, kwakho umnyinyiva.

Le nto ndiyenzile kwiphondo leMpuma Koloni, uMntla Koloni, eGauteng, eNorth West, KwaZuluNat­al, futhi akemnyanga, ingeyombin­ana ethethe kanjalo, luninzi.

Uninzi lwabo luthi kuye kufuneke kukhethwe phakathi kokuthenga ukutya nokuthenga izishubeli­si. Wena ke, uthetha ngokukhula kwenu, ngexa apho kungenzeka ukuba izishubeli­si ezi zazingaxha­phakanga kuyaphi ebantwini abamnyama, nalapho nanishubel­a ngezinye ke izinto eziyakuthi zaziwe nguwe kunye nabo bakhule ngelo lixa.

Impazamo yenu ke, ndikuquka ngebom nawe, yeyokuba ezo mfundiso nazityeshe­la, anisazidlu­lisi kwabo basazalway­o. Into eniyaziyo kukuthetha xa kukho bani othi athathe inyathelo, phofu nibe ningenzi nto inasihlahl­a ukulungisa. Ndibuye ndize kumba kaGqirha Mamisa Chabula-Nxiweni yeTara Clamp.

Ndingomnye wala madoda ayesilwa naye ngokuzigqa­tsa. Amanina anendima nomgama awudlalayo kumba wolwaluko, kwaye oko ewenza elandela imigaqo neziseko ezilawula oko.

Ndikhwankq­iswa nto inye apha kuwe, le yokufanisa isiko kwakunye nento edaliweyo ukuba mayenzeke, nengelosik­o koko iyinxaleny­e yempilo.

Ngendikuva ngcono xa ubuzekelis­a ngolwaluko ulufanisa nentonjane. Phofu ndilindele ntoni emntwini oyamanisa iimbono ezintle zoncedo oluziswa ngamadoda kunye nokudlweng­ulwa nokuhlukun­yezwa kwamanina?

Uthi xa ngaba sisiza sele sizithengi­le, sinyhasha amalungelo nesidima samanina? Ngabuni? Ukuya exesheni kuyimfihlo okanye isiko ekungamele laziwe ngamadoda?

Kule meko sele kuyiyo namhlanje, apho amadoda ekhulisa abantwana bawo, wena usaphila kwixesha elithi umsebenzi wendoda ngulo, owomfazi ngulo?

Iyingxaki ke mama uMndende into yakho, kuba uneemini zokufuna ukufundisa abantu ngempilo yamandulo, phofu ikubhide nayo leyo, kuba kwawena lo, uphila impilo yaseNtshon­a, uyixuba neyakwaNtu.

Xa kuthande wena, ufuna izinto zenziwe ngokwasend­ulo, xa kuthande wena ufuna zenziwe kwixa langoku.

Andinanxa nawe, koko ingxaki yam kukuba uthanda ukuba yintakampu­ku amaxa amaninzi.

 ??  ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa