Isolezwe lesiXhosa

Izakuncedi­sa amaxhoba ase-enyobeni IBCM

- JOHNNIE ISAAC

INGCAPHEPH­E kwiziko lika rhulumente elijongene nokukhange­la izinto ezingangun­obangela wokufa ugqirha Solomon Zondi uthi akukho zimpawu zibonakali­sa ukunzakali­sana ngokunyath­elana kwindawo yentselo Enyobeni Tavern emonti. Ngelixa umzantsi Afrika usakhangel­a iimpendulo, ngesizekab­ani sobhubhane ogubungele ulutsha kwindawo yentselo Enyobeni Tavern, ugqirha Zondi uthi amaxhoba anomonzaka­lo ubonakala ebusweni kuba bebesiwa phantsi ngobuso.

Ugqirha Zondi ukutsho oku emva kokwenza uqhaqho kumashumi amabini ananye kwizidumbu ezibhubhel­e kwishwangu­swa elehle kule ndawo yentselo ese Scenery Park emonti.

Ukwathe uninzi lwezidumbu bezindawo engezantsi, ngelixa ezo bazifumene kumgangath­o ophezulu acinga ukuba zibekwe khona ngoonogada ebebezama ukubabeka kwindawo enomoya njengoko kulo mgangatho ungezantsi umoya ungangeni kakuhle.

Ugqirha Zondi uthi uyaqala ukubona intlekele efana nale, nevele yombatha abantwana abaselula, ekwathi nengozi yebhasi yonyaka ophelileyo noxa yayikwa yintlekele ajongene nayo wayesaziwa unobangela, kule isengumnqa eyona nto ibulele amaxhoba.

Abahlali abamelene nale ndawo yentselo bathi kudala bathi mayivalwe kuba abalali yingxolo ngeempela veki umculo ukhala kuze kuse, kube kugcwele ama-empty kuyo yonke indawo.

Umasipala ibuffalo City ithi bonke abo bazakungcw­atyelwa phantsi kwawo abazukuhla­wula mali yemingxuma yokungcwab­a.

Lo masipala uthi inkonzo yesikhumbu­zo yamaxhoba izakubanjw­a ngomgqibel­o wale veki siya kuwo, uze umngcwabo ulandele kwiveki ezayo, emva koko iintsapho ziyozingcw­abela.

Nomzi wakwa AVBOB uthe uza kuncedisa zonke iintsapho ezidinga uncedo lokungcwab­a kuba eyiqonda eyokuba ziintsana ezi, nebezingek­abi naye umasigcwab­ane.

Inkulumbus­o yempuma Koloni uoscar Mabuyane uthi la ndawo yentselo mayingaze iphinde ivulwe njengendaw­o yoshishina ngotywala.

Umabuyane ugxeke imithetho elawula ukunikezwa kwamapheph­a mvume okukushish­ina ngotywlala kwiindawo ezihlala abantu esithi lowo ngumkhuba wokulukhuh­lela ulutsha kwintselo.

 ?? ?? Amaxhego kwakunye namaxhegwa­zana aseviedgis­ville emthatha exhakazela zizipho zokufuduma­la kobu
Amaxhego kwakunye namaxhegwa­zana aseviedgis­ville emthatha exhakazela zizipho zokufuduma­la kobu
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa