Isolezwe lesiXhosa

Unyana ubhubhe noyise ezama ukunqanda

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

LUSASHIYEK­E lothukile uluntu ingakumbi kummandla waseo.r. Tambo neziphaluk­a emva kokuba ufundisile Ranayi, 49, kwakunye nonyana wakhe usiyolise Ranayi,18, nobesenza ugrade12 ehillbrow S.S.S behlaselwe ngamadoda amabini angaziwayo ngemipu babhubha kurhatya lwangolwes­ihlanu.

Oku kwenzeke kwikhaya labo eslovo Park nekuye kwasinda intwazana yakhe eneminyaka esibhozo ubudala.

Ngokwengxe­lo ephuma kumasipala wakhe ingquza Hill, ithi uranayi ebeziphuml­ele phandle ecaleni kwendlu kuba bekushushu, nekufike la madoda adubula kokaranayi.

Ingxelo iqhuba ithi unyana wakhe udubuleke xa ebezama ukuhlangul­a uyise wakhe.

Uranayi, nobe ngusihlalo KWISACP kwibrantsh­i iche Guavara engquza Hill, ebekwanguc­eba WEANC kumasipala ingquza Hill.

I-SACP idlulisa amazwi ovelwano kolu sapho kwanakwizi­hlobo ezisondele­yo kumaxhoba.

“Sibulela kusapho ngobom bukaranayi ngethuba ezinikele esenza utshintsho kwimpilo yoluntu. Sikwahlaba ikhwelo kwabezomth­etho ekubeni basebenzis­ane ukuqinisek­isa ukuba ababulali bakaranayi bayabanjwa,” sitshilo isithethi SESACP usiyabonga Mdodi.

Ucomrade Ranayi ebelitshan­tliziyo ngeentsuku zakhe zobutsha esengumfun­di ehillbrow S.S.S. Emva koko wabangumse­benzi edolophini elusikisik­i apho wazibandak­anya nombutho wabasebenz­i ISACCAWU.

Emva koko waphangela kwamasipal­a nekulapho waye wazibandak­anya nombutho WESAMWU.

Kunyaka ka2016 waye wonyulwa njengoceba kaward 15 oquka idolophu yaselusiki­siki. Ngo2021 kulonyulo loorhulume­nte basemakhay­a uye waphinda wonyulwa kwakhona.

Umasipala ingquza

Hill nawo udlulise amazwi ovelwano kusapho nakwizalam­ane zikaranayi.

Nombutho olawulayo IANC ikhuphe ingxelo nayo idlulisa amazwi ovelwano.

Ubrigadier Tembinkosi Kinana uthi unobangela wokubulawa kukaranayi awukaziwa usaphandwa. Okwangoku akukabanjw­a mntu malunga nokubhubha kwesi sibini.

 ?? ??
 ?? ?? Ilungu LESACP elikwanguc­eba engquza Hill, ufundisile Ranayi, obhubhe emva kokuhlasel­wa ekwakhe ngolwesiha­nu.
Ilungu LESACP elikwanguc­eba engquza Hill, ufundisile Ranayi, obhubhe emva kokuhlasel­wa ekwakhe ngolwesiha­nu.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa