Isolezwe lesiXhosa

Umthatha Stadium usingatha ingxikela yetumente yombhoxo ngempelave­ki!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UKUSUKELA ngecawe umhla wamashumi amabini anesine, enye yeedolophi zephondo lempuma Koloni, umthatha, uza kusingatha itumente yombhoxo okokuqala ezimbalini.

Amaqela alishumi elinanye asuka emaphondwe­ni onke omzantsi Afrika aza kube eswantsuli­sana kwitumente yombhoxo wamantomba­zana aselula ekuthiwa yisa Rugby U20 Women’s Tournament.

Le tumente eza kuqingqith­a iintsuku ezine zonke iza kusikelelw­a kweqela lesizwe lasezimbab­we okokuqala kulo unyaka.

Yitumente yombhoxo ejoliswe ekufunqule­ni umdla wabanye abanywana abasakhula ukuze bawubone umbhoxo ukuba ngumdlalo ofanele wonke umntu nokuba uhlala kweyiphi na indawo emzantsi Afrika.

Abaxhasi abaphambil­i besa Rugby U20 Women’s Tournament lisebe lezemidlal­o kwiphondo lempuma Koloni nenkampani yeenjineli ekuthiwa yilikhitha­nande Engineers.

Imidlalo iza kuqala ngomhla wamashumi amabini anesine iyokuqhina ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga yomsintsi. “Ngokusinga­tha itumente yamantomba­zana adlala umbhoxo kwisithili sase-o.r.tambo, asincwasan­ga ukuqhayisa nje kuphela ngetalente yabadlali bombhoxo abasakhula­yo - kodwa sikwazama nokufunqul­a umdla wabantu emdlalweni wombhoxo ngokuthi sibanike ithuba lokuwudlal­a,” utshilo ulynne Cantwell, umphathi wesa Rugby Women’s.

“Yitumente le esiyibona njengeqong­a elilungise­lela amantombaz­ana inqanaba eliphezulu embhoxweni. Ubukho betumente enje kubaluleki­le ngoba kuvala umsantsa phakathi kwamaqela abadlali abasakhula­yo namaqela amakhulu adlala kwinqanaba eliphezulu. Le tumente siyibona njengethub­a elihle lokufaka phakathi zonke iindawo ezinombhox­o,” utshilo ucantwell, olebele ngokubulel­a inkxaso yesebe lezemidlal­o, ilikhithan­ande neborder

Rugby Union ezincedisi­leyo kumalungis­elelo wetumente eqala ngempelave­ki emthatha Stadium.

Emva kwetumente, kuza kuchongwa abadlali abaza kudlalela ijunior Springbok Women eza kudlala imidlalo yovavanyo emithathu kwiphondo lasentshon­a Koloni.

Imidlalo imi ngolu hlobo: ngecawe, 24 kweyomsint­si 09h30: Limpopo vs Zimbabwe 11h30: Blue Bulls vs Western Province

13h15: Opening Ceremony 14h00: Border vs SWD Ngomvulo, 25 kweyomsint­si 09h30: Eastern Province vs Golden Lions

11h30: Griquas vs Free State 13h30: Sharks vs Boland

 ?? ?? Amaqela ombhoxo alishumi elinanye aza kudibana emthatha Stadium ukusukela ngecawe. Umfanekiso: SA Rugby
Amaqela ombhoxo alishumi elinanye aza kudibana emthatha Stadium ukusukela ngecawe. Umfanekiso: SA Rugby

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa