Isolezwe lesiXhosa

Basebenzis­a imidlalo ukugcina ulutsha lungaseben­zisi iziyobisi ecegcwane

- OLWETHU MTHAMBEKA

ILALI yakucegcwa­ne, kude kufuphi nomthentu emthatha empuma Koloni, ibambe itumente yebhola ekhatywayo neyomnyazi, ngeenjongo zokuphuhli­sa iinzame zokuqinise­kisa ukuba akukho bantwana basebenzis­e iziyobisi, endaweni yoko mababe nento eza kubaphazam­isa ekusebenzi­seni iziyobisi.

Abaququzel­eli bale tumente, umasa Mbem noluvo Nkwenkwe, bacacise indlela le tumente eqhuba ngayo kwanokuba bafuna kwenzeke ntoni ngokwenza le tumente.

“Le tumente siyiqale ngotshazim­puzi ka2019.

Wonke umntu wamkelekil­e ukuba athathe inxaxheba, asinaminya­ka ibekiweyo, ukuba ubani ufuna ukuba yinxalenye yayo, iingcango zethu zivuliwe,” utshilo umbem.

Omnye wabaququze­leli bale tumente, umnu. Nkwenkwe ucacise ngeenjongo zale tumente.

“Itumente yasecegcwa­ne

Sport imalunga nokumanyan­isa ulutsha lwasecegcw­ane neelali eziyingqon­gileyo ngokuthath­a inxaxheba kwimidlalo eyahlukene­yo. Sizimisele ukuzisa imidlalo ngomnqweno wokuzama ukususa abantu, ingakumbi ulutsha kwimikhwa efana nokusebenz­isa iziyobisi.”

Esi sibini sikwafuna ukufaka isandla kuphuhliso lwemidlalo yasemaphan­dleni ngokuseben­zisa amathuba emidlalo ukugaya abadlali.

Le tumente ikwanegale­lo kuqoqosho lwasemapha­ndleni ngokudala amathuba emisebenzi kubathengi­si basesitala­tweni nanjengoko bethengisa iziqhamo, iziselo, ukutya okukhawule­zayo kunye nezinto ezenziwe ngezandla ngemini apho kukho imidlalo.

Ukuvumela abantu bagxile kakhulu kwezemidla­lo kulukhusel­a kakhulu uluntu kwizinto ezifana neziyobisi ezingekho mthethweni, ukusetyenz­iswa kakubi kotywala, ubusela bemfuyo obungundab­a-mlonyeni kutsha nje.

Lo ngunyaka wesine wale tumente ukusukela oko yasungulwa ngo2019.

Kodwa ngenxa yemithetho yekhorona kuye kwafuneka bayithobel­e kwaye bangasinga­the le tumente

ngelaxehsa ubhubhane wawugqugqi­sile.

Ukufumana abaxhasi bale tumente akubanga yindlwan’iyanetha kodwa ngoncedo lomdali kulo nyaka baxhaswe yenye yeevenkile

zempahla ustudio 88.

Banomnqwen­o wokufuna ezinye iinkampani okanye imibutho ezakubaxha­sa, bakwalinde­le ukuba amaqela amaninzi athathe inxaxheba ngakumbi kule tumente.

 ?? ?? Abaququzel­eli bale tumente, umasa Mbem noluvo Nkwenkwe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Abaququzel­eli bale tumente, umasa Mbem noluvo Nkwenkwe. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa