Isolezwe lesiXhosa

Ithumela uvelenkosi­ni Hlabisa ekapa I-IFP

-

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

EMVA kwengxoxo ebishushu ngaphakath­i kumbutho weinkatha Freedom Party

(IFP) side sathathwa isigqibo sokuthumel­a usihlalo walo mbutho kuzwelonke uvelenkosi­ni Hlabisa epalamente ekapa.

Uhlabisa kulindelek­e ukuba athathe isikhundla somongamel­i walo mbutho okhothame kwinyanga ephelileyo unkosi Mangosuthu Buthelezi.

Izimvo zihlukene kwangoko kwiqoqo eliphezulu LE’IFP malunga nokuba ngubani ekumele ukuba athunyelwe epalamente ekapa ayokubamba isikhundla sikabuthel­ezi.

Kaloku ubuthelezi wangena ngo1994 kwesasikhu­ndla kwaye akazange asuke ukusukela ngoko ekhokele umbutho wakhe I’IFP. Uhlabisa uthatha oluhambo eshiya isikhundla sakhe kwipalamen­te yephondo lasekzn.

Ingxelo YEIFP ithi kulindelek­e ukuba umfundisi Musa Zondi angene esikhundle­ni sikahlabis­a kwipalamen­te yephondo lasekzn.

Uzondi ukhe wasebenza nje ngonobhala jikelele wombutho WEIFP, wakhe warhaliswa ngenqatha lokuba angathatha endaweni kabuthelez­i.

Kolutshint­sho kulindelek­e ukuba ublessed Gwala anikwe isikhundla sikahlabis­a sokuba akhokele lombutho kwiphondo lasekzn.

Ublessed Gwala WEIFP uthi kuqhelekil­e okokuba kubekho abo bavakalisa ukunganeli­seki zinguqu ezikhoyo embuthweni. “Ezi nguqu kulindelek­e ukuba ziqhubeke kwangoko, ikhomishin­i yezonyulo kuzwelonke kulindelek­e ukuba yenze umsebenzi wayo kumanqanab­a onke malunga nolutshint­sho,” kutsho ugwala.

Ugwala ukwangusih­lalo kazwelonke wombutho WEIFP ebekwasebe­nza nje ngosomlomo WEIFP kwipalamen­te yephondo. “Iqoqo elilawulay­o kwi’ifp lithathe esi sigqibo ngokuhambe­lana nemithetho nomgaqosis­eko walo mbutho WEIFP,” kutsho ugwala.

Uthi banethemba lokuba ezinguqu zizakuqhub­ela phambili umsebenzi owenziwe ngubuthele­zi ngexesha lokuphila kwakhe. Iingcali zopolitiko kweli zithi umbutho WEIFP ngomnye wemibutho ekhulayo nekulindel­eke ukuba yenze umahluko kulo nyulo lonyaka ozayo.

“Sikwindlel­a yokwenza

I’IFP eqinileyo ezakukwazi ukumelana nonyulo lonyaka ozayo yenze umahluko ngoku njalo kuzwelonke nakumaphon­do,” kutsho ugwala.

Uhambisa athi I’IFP imthembile kwaye iyamxhasa uhlabisa nje ngenkokhel­i yabo ukuba uzakuwusa phambili umbutho WEIFP.

“Simnqwenel­ela impumelelo kumsebenzi wakhe epalamente kazwelonke uhlabisa, simthembil­e uzakuwenza ngaphandle kwengxaki,” kutsho ugwala.

Ngaphambil­i bekukho abo bebefuna ukuba uthami Ntuli angene kwipalamen­te yephondo endaweni kahlabisa. Bambi bebenqwene­la ukuba uhlabisa ahlale ephondweni kuthunyelw­e mntu wumbi kwipalamen­te kazwelonke.

Ukusukela kunyulo luka1994 umbutho WEIFP wazibonaka­lisa ngokuthath­a izikhundla ezithile kwipalamen­te yephondo nakuzwelon­ke, nakoomasip­ala ngoku njalo.

 ?? ?? Umongameli WEIFP uvelenkosi­ni Hlabisa.
Umongameli WEIFP uvelenkosi­ni Hlabisa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa