Isolezwe lesiXhosa

Abayivali imilomo abafunxe ulwazi kwiingcali zebhola egcuwa!

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

BAVUYELA kakhulu abaqeqeshi bamaqela ebhola ekhatywayo abasakhasa­yo emva kokuphokoz­elwa ulwazi ngabaqeqes­hi abasemgath­weni ophezulu ngempelave­ki egqithiley­o.

Amashumi amane onke abaqeqeshi basemnquma bagcwalise iholo lasegcuwa ebe kubanjelwe kulo inkqubo yocweyo ebikhwetyw­e yinozulu Youth Legacy ekhokelwa nguluxolo Matikinca.

Njengokuba behleli beqeqesha kakade emaqeleni wabo, umaticikin­ca ucinge ukubaphath­ela amadoda anolwazi olutyebile­yo ebholeni afana notinashe-shingai Mukandatsa­ma osebenzela isekhukhun­e United, usinesipho Mali osebenzela isafa nonkululek­o Malgas osebenzela

Amatuks ukuze bafunde izinto ezenzekayo ebholeni yehlabathi bafumane nolunye ulwazi oludingeka­yo ukuze bakwazi ukuvelisa umsebenzi osemgangat­hweni ophezulu.

Inkqubo yocweyo iqhube iintsuku ezimbini befundiswa ngomlomo nasebaleni ziingcali ezisuka kumaqela amakhulu.

Uxolela Waqo, oqeqesha incentane Roberts, uthe uncedeke kakhulu ngoba akukho lwazi kwiindawo zabo.

“Isincede kakhulu le ndibano ngoba kwindawo yasemnquma asinazo izixhobo zokusinced­isa. Usincedile unozulu ngokusonde­za izinto kufutshane. Siyayibule­la inkxaso abasinika yona abaququzel­eli bendibano esikuyo namhlanje. Zininzi izinto esizifumen­eyo apha. Indlela yokucwangc­isa umsebenzi weqela, ukukhulisa indlela umdlali adlala ngayo nokubona umdlali onetalente,” utshilo uwaqo ngomhla wokugqibel­a.

Naye umagela Onke womnquma Hot Spurs ugoduke engawuvali umlomo ngenxa yovuyo. “Isincede kakhulu indibano yanamhlanj­e ngoba isixhobise ngolwazi esingenalo. Siza kukhuthaze­ka kakhulu ngoku thina baqeqeshi basebancin­ane.

“Nokuba uyabaxelel­a abantwana loo ntwana unayo yolwazi, uphinda uzeye kwa wena ngoba uyazi ukuba aluphelela­nga. Ibangase kubekho indawo omane ufunxa kuyo,” utshilo umagela oneminyaka emibini engumqeqes­hi. Ekupheleni kwesoshoni, umatikinca uthe imonwabisi­le indlela abaqeqeshi abayamkele ngayo into abayifundi­siweyo.

“Sibonile behlalutya umdlalo emva kokuba benikwe izifundo ngebola. Bawenze kakuhle umsebenzi bebonisa futhi ukuba into eyenziwe apha ibingeyiyo inkcithaxe­sha. Ndicinga ukuba ibhola ekhatywayo baza kuyibona ngenye indlela ngoku. Kanye le nto ebesiyifun­a. Sizama ukuphuhlis­a iingqondo zabaqeqesh­i abaqeqesha­yo emaqeleni wabo. Bayayazi ibhola – kodwa xa ufumana ulwazi ebantwini abaziingca­li, iyahluka indlela oyibona ngayo,” utshilo umatikinca ngomhla wokugqibel­a.

 ?? UMFANEKISO: NOZULU LEGACY ?? abaqeqeshi abasakhula­yo kwinkqubo yocweyo ebibanjelw­e eholweni lasegcuwa ngempelave­ki egqithiley­o.
UMFANEKISO: NOZULU LEGACY abaqeqeshi abasakhula­yo kwinkqubo yocweyo ebibanjelw­e eholweni lasegcuwa ngempelave­ki egqithiley­o.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa