Isolezwe lesiXhosa

Umzantsi Afrika unqunqelwe egoqweni yinetherla­nds kwindebe yehlabathi

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KOTHUKE abantu abaninzi emva kokuba umzantsi

Afrika unqunqelwa egoqweni yinetherla­nds emdlalweni wetumente yehlabathi yeqakamba ebanjelwe kwilizwe lase-india.

Utemba Bavuma uphumelele itosi wakhetha ukunika inetherlan­ds ithuba lokuqhokra kuqala. Ibe yimpazamo enkulu leyo ngoba iye yakwazi ukuphepha ubumnyama.

Kuye kwakho ulibazisek­o emdlalweni ngenxa yemvula emanzise ibala ekuye kwanyanzel­eka ukuba lifunxwe amanzi ukuze kudlalwe kulo.

Nakubeni isiqalo sayo inetherlan­ds siye sahexa – kodwa ikwazile ukufumana imitsi engamakhul­u amabini anamashumi amane anesihlanu (2450 kumangeno acuthiweyo ngenxa yokuna kwemvula.

Wona umzantsi Afrika uye wathi finini kumakhulu amabini anesixhenx­e (207) ofike nzima kakhulu kuwo. Ekupheleni komdlalo, inetherlan­ds iphumelele­ngemitsi engamashum­i amathathu anesibhozo (38).

Ukubethwa kweproteas kuvuselele isilonda ebesikho kuyo ngoba ikhe yabethwa yinetherla­nd kunyaka ophelileyo emdlalweni obuseaustr­alia.

Okuthe kwaphoxa abantu kukuba umzantsi Afrika ubethwa yinetherla­nds esemsileni emva kokubetha ngendlela encomekayo isri Lanka neaustrali­a ngokulande­lelana kwitumente yehlabathi eqhubekayo.

Umdlali othe waqaqamba emdlalweni nguscott Edwards ofumene imitsi engamashum­i asixhenxe engaphutsh­wanga.

Abadlali abaphambil­i kumzantsi Afrika abafana notemba Bavuma, Aiden Markram norassie van der Dussen bakhutshwe kwangako kakhulu emdlalweni wayizolo. Kuye kwazama uheinrich Klaasen nodavid Miller noxa bebephants­i koxinizele­lo olunzima kakhulu.

Ukapteni wenetherla­nd, uscott Edwards, ubaqhwabel­e izandla oogxa bakhe emva komsebenzi omhle abawenze emdlalweni wayizolo.

Yena ubavuma uvakalise ukukhathaz­eka kwakhe emva kokuhlazwa yinetherla­nds. “Mandibanco­me, bakwazile ukusibetha. Sidlale kakuhle emdlalweni ebesidiben­e kuwo neaustrali­a – kodwa okuye kwanzima kukuphinda indlela esidlale ngayo. Asikwazi ukulibala okwenzekil­eyo ngoba kuya sikhathaza. Kodwa ayisosiphe­lo esi kude kube sekugqibel­eni,” utshilo ubavuma emva komdlalo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa