Isolezwe lesiXhosa

Wonwabile umqeqeshi wabafana Bafana emva komdlalo wangolwesi­bini

-

Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uhugo Broos, uvakalise ulonwabo olukhulu emva komdlalo wangolwesi­bini.

Abafana Bafana babambene ngegowuli elinye ne-ivory Coast emdlalweni wobuhlobo obubanjelw­e efelix Houphouet Boigny Stadium, eabidjan, ngolwesibi­ni ebusuku.

Ubroos wenze iinguqu eziliqela kwiqela ebelidlale kwiveki ephelileyo. Khange bamphoxe abafana bakhe phambi kwezihlwel­e zabantu eboigny Stadium ephakathi kwamabala aza kusingatha imidlalo yeafrica Cup of Nations ekuqaleni konyaka ozayo.

Uthemba Zwane ufake igowuli lomzantsi Afrika emzuzwini wesibhozo kwisigaba sokuqala.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla uhamba phambi ngoba umzantsi Afrika ubudlala umdlalo omhle kakhulu macala onke. Kuye kwanyanzel­eka ilinde kude kufike isigaba sesibini i-ivory Coast ukuze ifumane igowuli layo lokulingan­isa elifakwe ngusebasti­en Haller.

Umqeqeshi untingele elizweni elisemntla weafrika esisifu ngumsindo emva kokuba abafana Bafana boyiswe kukubetha iswatini emdlalweni obusefnb Stadium ngolwesihl­anu ogqithiley­o.

“Nangona bendinomsi­ndo ngolwesihl­anu, namhlanje ndonwabe kakhulu futhi ndonelisek­ile yindlela abadlale ngayo abafana,” utshilo ubroos emva komdlalo izolo.

Noxa ibidlalela ekhaya i-ivory Coast – kodwa inikwe umdlalo osemgangat­hweni ophezulu kakhulu ngumzantsi

Afrika.

“Udlale kakuhle kakuhle kakhulu umzantsi Afrika. Bekukho ukuzithemb­a ebaleni futhi nebhola ibidlalwa kakuhle. “Lo nto ibonakele kubadlali basemva naxa kuhlaselwa kusiyiwa phambili. Siyifake engxakini i-ivory Coast futhi ibe nelaka ngoba ngesiyibet­he ngamagowul­i amabini,” utshilo umqeqeshi.

Phambi kokudlala phambi kwabantu abangaphez­ulu kwamashumi amabini amawaka eboigny

Stadium, abafana Bafana badlale EFNB Stadium ebinabantu abangafika­nga nasemakhul­wini amabini.

“Phambi komdlalo sithethile ngabantu abagcwele ebaleni abaxhasa i-ivory Coast. Ndithe kubo mabazame ukufumana iziphumo ezihle – kodwa baqale ngokudlala ibhola entle. Ndinethemb­a lokuba xa sidlala nebenin kwinyanga ezayo, abantu baza kuya ebaleni bayokusixh­asa,” utshilo ubroos.

Umzantsi Afrika ulungisele­la imidlalo ehlakulela indebe yehlabathi neafcon esekuqalen­i konyaka ozayo.

 ?? UMFANEKISO: ©GAVIN BARKER/BACKPAGEPI­X ?? Uthemba zwane womzantsi afrika nofranck Kessie we-ivory coast emdlalweni obusefelix Houphouet Boigny Stadium izilo.
UMFANEKISO: ©GAVIN BARKER/BACKPAGEPI­X Uthemba zwane womzantsi afrika nofranck Kessie we-ivory coast emdlalweni obusefelix Houphouet Boigny Stadium izilo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa