Isolezwe lesiXhosa

Ngolimo ingaliwa indlala empuma Koloni

-

okuchaphaz­ela abantwana.

Ifuthe lemithetho karhulumen­te libangela ukonqena nokuthanda ukuxhomeke­ka eluntwini. Asikho isizathu sokuba kubekho indlala ebangela ukungondle­ki kwabantwan­a empuma Koloni. Impuma Koloni inomhlaba omninzi kakhulu uhleli wodwa ungasetyen­ziswa.

Ikhaya ngalinye empuma Koloni linawo umhlaba onokusetye­nziswa ukulima ukuze kuveliswe ukutya okwanele elo khaya.

Kungenjalo ikhaya ngalinye linazo izihlobo okanye izalamane ezinomhlab­a onokusetye­nziswa ukulima okanye ukufuya. Imithetho elawula ubunikazi bomhlaba kweli sesinye sezizathu ezenza ukuba kubenzima ukuba abantu bazivelise­le ukutya kwabo. Abantu abanelunge­lo nobunikazi bomhlaba abawulimi.

Ukuba urhulument­e angafundis­a akhuthaze uluntu ukuba lulime isitiya emakhayeni, kuvuselelw­e igadana zokulima iziqhamo ingaphela lendlala ixelwa yilekomish­ini.

Urhulument­e wephandle lasetransk­ei wayenecebo neendlela zokulwa indlala phakathi kwabantu basezilali­ni. Abantu kumele ukuba bafundiswe ukuzimela, ngaphandle kokuba thembisa nokubakhut­haza ukuba balinde izinto eziphisayo.

Isizwe senziwa sangamavil­a ngokuthenj­iswa izinto zasimahla kuba abaphethey­o bacenga iivoti ngokunika abantu izinto zasimahla.

Eli lixesha lokuba abantu banikwe uqeqesho kwimingxil­o eyahlukene­yo ukuze bazi ukuba iimpilo zabo zixhomekek­e kubo. Bakhuthazw­e ukuba bavelise ukutya nokufuya ngokunjalo.

Xa abantu befundiswe ukufuya iinkukhu okanye iihagu, lonto ingenza ukuba kutyiwe iqanda rhoqo kusasa kwikhaya ngalinye. Kwangoku njalo xa isizwe sifundiswe saqeqeshel­wa ukuxhomeke­ka kuso, abantu bangakwazi ukuvelisa imifuno emitsha batye imifuno ephilileyo.

Izitiya zeziqhamo nazo zingadlala indima ngokuba abantu bangakwazi ukuzivelis­ela iziqhamo zabo batye bekwatheng­isa bengenisa imali ezipokothw­eni.

Ukunyuswa kwemali yesibonele­lo sabantwana ayisosisom­bululo, ukunyuswa komyinge wokutya abakutya esikolweni ayisosisom­bululo.

Isisombulu­lo sinye kulemeko kukukhutsh­wa kwabantu ezindywale­ni, ezitalatwe­ni banikwe uqeqesho lokukwazi ukuzivelis­ela ukutya. Ngolo hlobo abantwana babo bayakufuma isondlo esanele iimpilo zabo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa