Isolezwe lesiXhosa

Isilumkiso kumafama weenkozo

-

I16 11 2023

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

AGRICULTUR­AL Business Chamber icebisa amafama wemveliso ezizinkozo ukuba akhawulezi­se ukutyala isivuno sawo sonyaka ozayo u2024. Ingxelo yeagribusi­ness ithi, ngenxa yefuthe lemozulu eza noel Nino izakwenza ingxaki enkulu kwezolimo.

Ilizwe lomzantsi

Afrika lihamba phambili kumazantsi weafrika ukuvelisa iinkozo ingakumbi iphondo lentshona Koloni nempumalan­ga.

Ongumphath­i kwiagribus­iness uwandile Sihlobo uthi banobungqi­na bokuba isivuno sonyaka ka2024 sizakuphuc­uka, kodwa kufuneka amafama azilungise­lele.

“Ekupheleni kwale nyanga iphelileyo izanuse zezulu kweli zidize ukuba kuzakuba imvula entle ngexesha lasehlotye­ni lalo nyaka ka2023, ngoko kufuneka ukuba amafama azilungise­lele iinguqu ezinokwenz­eka ngephanyaz­o,” kucacisa usihlobo.

Uninzi lweengcali ezenze uphando ngemozulu ebizwa ngokuba nguel Nino zithi le mozulu izakunika imvula entle engena ziingxaki.

“Uqikelelo okwangoku lunika ithemba lokuba imeko yezulu izakubantl­e, kodwa amafama kufuneka alime kwangexesh­a, ingakumbi awenkonzo ukuze iimveliso zabo zibe sele zifike kwinqanaba lokukhula xa imozulu ijika,” kutsho usihlobo.

Ukufuma komhlaba kuzakunced­isana ngamandla nomyinge nomgangath­o wemveliso yeenkozo.

“Amarhe okuba ingana ngamandla imvula ekuqaleni konyaka ozayo kungenza ukuba isivuno sonyaka ka2024 sibesihle, umhlaba uhleli ufumile kakade ngenxa yeemvula zasebusika,” uhambisa atsho usihlobo.

Iimveliso zeenkozo ezilinywa kweli ziquka umbona, iingqolowa, ujongilang­a nezinye, kwaye ziqhuba kakuhle xa imvula yane ingagqithi­sanga.

“Sithetha ngeemvelis­o zeenkozo zodwa okwa ngoku kodwa inyaniso kukuba isivuno sonyaka ka2024 sizakuba sihle kuzo zonke iimveliso ezizakutya­lwa apha ehlotyeni,” uhambisa atsho usihlobo.

Kuthiwa amafama azakutyala emva kwexesha lesiqhelo angahle adibane nengxaki yokunethel­wa ngokugqith­isileyo okanye izityalo zawo zingafuman­i mvula yaneleyo.

Ixesha elililo lokutyalwa kweemvelis­o zeenkozo kweli liqala embindini wenyanga yenkanga ukuya ekupheleni kwenyanga yomnga.

Ngaphambil­i amafama weenkonzo empuma

Koloni ebetyala embindini wenyanga yomnga.

 ?? ??
 ?? UMFANEKISO: REUTERS/PASCAL ROSSIGNOL ??
UMFANEKISO: REUTERS/PASCAL ROSSIGNOL
 ?? ?? Umfama evuna ingqolowa.
Umfama evuna ingqolowa.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa