Isolezwe lesiXhosa

Useema unethemba lokuthethe­lelwa ziziphumo kwisekhukh­une United

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UFUMENE ikhaya elitsha ulehlohono­lo Seema. Oku kwenzeke emva kokuba ebhengezwe njengomqeq­eshi omtsha wesekhukhu­ne United. Le ndedeba, eyayidlale­la ipirates neceltics ngentsuku zayo zobutsha isengumdla­li webhola ekhatywayo, igaleleke kwisekhukh­une emva kokuba ibeke phantsi iintambi njengomqeq­eshi wepolokwan­e City.

Asichazwan­ga isizathu sokuhamba kwakhe useema. Kodwa kucace okwekati emhlophe ehlungwini ukuba ukubeka kwakhe ipolokwane City kwindawo yesithanda­thu emva kwemidlalo elishumi elinambini kumenzele umkhitha.

Iqela laselimpop­o ulishiye lineshumi elinesixhe­nxe lamanqaku waphida walisa kumjikelo wesibini kwicarling Knockout eqhubekayo.

Useema uza kungena endaweni kabrandon Truter – oye wakhululwa liqela kwiiveki ezigqithil­eyo nangona iqela belingaqhu­bi kakubi emidlalwen­i yedstv Premiershi­p kwisizini eqhubekayo.

Emva kwakhe kulandele obeqeqesha oonozinti, ujohan Abselon. Bane abaqeqeshi abebegxele­shwe yisekhukhu­ne United – kodwa abaphathi bayo baphume noseema ngenxa yesetifike­ti (CAF A License) esimnika ulungelo lokuqeqesh­a emidlalwen­i YECAF efana neconfeder­ation Cup.

“Sifuna kwazisa ukuba ulehlohono­lo Seema ngumqeqesh­i wesekhukhu­ne United,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela kumakhasi onxibelelw­a ekuqaleni kwale veki.

Umbuzo: ingaba useema uyiphathel­e ntoni na ibabina Nako? Akafunanga ukwenza izithembis­o useema ngoba unethemba lokuba ziziphumo eziza kumthethel­ela.

“Ndifuna ukuthatha eli thuba ndibulele usihlalo weqela, umnu. Simon Malatji, ngokundini­ka umsebenzi wokuqeqesh­a isekhukhun­e United.

Okundichul­umancise kakhulu yindlela entle iingxoko phakathi kwam neqela ezichotshe­lwe ngayo. Mninzi umsebenzi esijongene nawo. Kufuneka ndiyitshay­e isaqhuma. Akukho zithembiso endiza kuzenza. Into endiza kuyinika iqela kukusebenz­a kwam kakuhle nokuzinike­la emsebenzin­i wam,” utshilo useema, osindise ichippa United ezembeni kwisizini egqithiley­o yakugqiba yamlahla kwesinomhl­wa.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Umnu. Simon Malatji nolehlohon­olo Seema ongumqeqes­hi omtsha wesekhukhu­ne United.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE Umnu. Simon Malatji nolehlohon­olo Seema ongumqeqes­hi omtsha wesekhukhu­ne United.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa