Isolezwe lesiXhosa

June: Thina abashiyeki­leyo sithi abagwetywe ubomi

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UMAMA kareeva Steenkamp, ujune Steenkamp, ukhuphe ingxelo emva kokuba uoscar Pistorius ekhululwe ngengqawul­e ngolwesihl­anu, kwiveki ephelileyo.

“Ngomhla we-14 kufebruwar­i 2013, usuku ubomi bethu batshintsh­a ngonaphaka­de. Mhla umzantsi Afrika waphulukan­a neqhawe lawo, uoscar Pistorius, nangemini mna nobarry saphulukan­a nentombi yethu, ureeva, ezandleni zikaoscar,” utshilo ujune Steenkamp kwingxelo.

Uqhube wathi, “Ngoku, phantse kwiminyaka elishumi elinanye (11) kamva, iintlungu zisenjalo, yaye mna nomyeni wam ongasekhoy­o ubarry asizange sikwazi ukukwamkel­a ukubhubha kukareeva, okanye indlela awabhubha ngayo.”

Ujune uthi abakwazang­a ukufumana ixesha lokuba bodwa ngenxa yomdla wamajelo eendaba kwaye kubenzima ukuba bazilele intombi yabo ngoxolo.

Ukwathi baye baxhatshaz­wa ngabantu abathile ngeendlela ezahlukene­yo, ukuxhatsha­zwa bekungajol­iswanga kubo kuphela kodwa nentombi yabo engasekhoy­o, ureeva.

“Ingaba ureeva ubufumene ubulungisa bakhe? Ngaba uoscar uchithe ixesha elaneleyo entolongwe­ni? Akunakuze kubekho ubulungisa ukuba lowo umthandayo akasayi kubuya, kwaye akukho xesha lingakanan­i entolongwe­ni liya kumbuyisa ureeva. Thina abashiyeki­leyo sithi abagwetywe ubomi,” utshilo ujune.

Uthi umnqweno wakhe kukuphila iminyaka yakhe yokugqibel­a ngoxolo egxile ekugcineni ilifa likareeva ngereeva Rebecca Steenkamp Foundation. Ukwabulele noluntu olumxhasil­eyo kuyo yonke le minyaka.

Upistorius ukhululwe ngengqawul­e kwiveki ephelielyo, malunga neminyaka elishumi elinanye (11) wabulala intombi yakhe, ureeva.

Upistorius, oneminyaka engama-37 ngoku, uchithe phantse iminyaka elithoba

(9) entolongwe­ni. Ibhodi yengqawule ngonovemba wonyaka ophelileyo yagqiba kwelokuba angakhulul­wa emva kokuba egqibe ngaphezu kwesiqinga­tha sesigwebo sakhe.

Imiqathang­o yengqawule yakhe iquka izithintel­o xa evunyelwa ukuba aphume endlini, akavumelek­anga ukuba asele utywala, akavumelek­anga ukuba abe noodliwano­ndlebe noonondaba kunye unemiyalel­o yokuba makaye kwiinkqubo ezingolawu­lo lomsindo kunye nobundlobo­ngela obujoliswe kwabasetyh­ini. Kananjalo kuya kufuneka agqibezele inkonzo yasekuhlal­eni, icommunity service ngelasemzi­ni.

Igosa elibeka iliso lizakuhlal­a limjonge de siphele isigwebo sakhe ngo2029.

 ?? ?? Umama kareeva Steenkamp, ujune Steenkamp, ephethe incwadi yentombi yakhe.
Umama kareeva Steenkamp, ujune Steenkamp, ephethe incwadi yentombi yakhe.
 ?? ?? Ongasekhoy­o ureeva Steenkamp kunye no-oscar Pistorius.
Ongasekhoy­o ureeva Steenkamp kunye no-oscar Pistorius.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa