Isolezwe lesiXhosa

Ujordaan uyaziqheny­a ngokwenziw­e ngabafana Bafana!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UZINGOMBA isifuba umongameli wesafa, ugqirha Danny Jordaan, emva kwempumele­lo ezuzwe liqela lesizwe lebhola ekhatywayo kwiafrica Cup of Nations eqhubekayo e-ivory Coast.

Abafana Bafana bakwisigab­a esiphambi kwesokugqi­bela kwiafcon emva kokuba bethe babetha icape Verde ngo'2-1 kwiipenela ngempelave­ki egqithiley­o.

Nguronwen Williams oweze abafana Bafana ngokubamba iipenela ezine zecape Verde. Ngaloo ndlela uzenzele imbali ngoba zange abekho unozinti obambe iipenela ezine emdlalweni omnye weafcon.

Abafana Bafana balungisel­ela ukudibana nenigeria emdlalweni oza kube ungolwesit­hathu kule veki. "Ndiyazingc­a ngokwenziw­e ngabafana Bafana," utshilo ujordaan ethetha nediski

Times. "Bathi xa abafana Bafana befumana igowuli lesibini kwimorocco, abaphathi bayo basukuma bahamba.

Kodwa babuya bavuyisana nathi bencamile," utshilo ujordaan ophumleyo ekugxekwen­i ukusukela oko kuqale iafcon. Umzantsi Afrika udibana nenigeria ngomso estade de la Paxi ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Ngumdlalo oza kuba nzima kakhulu ngoba umzantsi Afrika awukabinay­o ilaka yokubetha inigeria emidlalwen­i yeafcon. Kodwa umzantsi Afrika wakhe wayibethel­a ekhaya inigeria ngonyaka ka2017 ngamagowul­i awayefakwe ngupercy Tau notokelo Rantie.

Ujordaan umthembile umqeqeshi, uhugo Broos, futhi unethemba lokuba uza kuphinda awakwenza kwiafcon esengumqeq­eshi wecameroon. "Ndandiseca­meroon ngonyaka ubroos awaphumele­la ngawo iafcon. Ndatsho ukuba sidinga indoda efana naye.

"Uyabona naxa singadlala­nga kakuhle ukuba unecebo elicaciley­o lokuya phambili. Masincome abaqeqeshi nomhlaluty­i ngokwenzek­e kwicape Verde. Uronwen ebengumanq­anqa kula mdlalo," utshilo ujordaan.

Emva kwemidlalo emihlanu kwiafrica Cup of Nations yalo nyaka, umzantsi Africa uzingomba isifuba ngokugodus­a amazwe oyikwayo aquka imorocco, itunisia necape

Verde kwaye uzimisele ukudlula kwinigeria uyokudlala umdlalo wokugqibel­a xa kuvalwa iafcon.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa