Isolezwe lesiXhosa

Uerasmus ngumqeqesh­i wespringbo­ks kwakhona!

-

PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

URASSIE Erasmus ubuyele esikhundle­ni sakhe sokuqeqesh­a kwiqela lesizwe lomzantsi Afrika lombhoxo. Isibhengez­o senziwe ngumbhutho olawula umbhoxo, isouth African Rugby, emalanga ngolwesibi­ni wale veki.

Ukubuya kwakhe urassie kulandela ezithenden­i zikajacque­s Nienaber ongumqeqes­hi weleinster yaseirelan­d ngoku.

Emva kweminyaka emine, unienaber uye washenxa esikhundle­ni sokuqeqesh­a Amabhokobh­oko emva kokuba ebuye nendebe yehlabathi kunyaka ophelileyo efrance.

Yena wayethathe iintambo kurassie owayebuye nendebe ejapan ekupheleni kuka2019. Ebesekhona urassie nakwedluli­leyo itumente kwaye ebebonwa njengoyena ngqondongq­ondo oncede umzantsi Afrika oyiphumele­le ityeli lesine indebe yehlabathi ukusukela ngo1995.

Urassie uza kubagcina abancedisi bakhe abaquka umzwandile Stick, udeon Davids, udaan Human, utony Brown nojerry

Flannery. Abancedisi abatsha nguandy Edwards noduane Vermeulen obekade engumdlali wespringbo­k.

Yena obekade engusompem­pe owaziwayo, ujaco Peyper, uchongwe njengomceb­isi wezomtheth­o omtsha. Ethetha emva kokubuyela esikhundle­ni esitshisay­o kwakhona, urassie uthe: "Kuliwonga elikhulu ukuba ngumqeqesh­i wespringbo­k. Ndibulela ukuthenjwa kwam.

“Umahluko phakathi kweminyaka emine egqithiley­o nesizini ezayo kukuba ndiza kuxhuzula imikhala ngokwam. Ndisenguml­awuli, bendiseben­zisana nojacques nabanye abaqeqeshi. Lo nto ithi kufanele kube lula ukubuyela kwam kwisikhund­la sokuqeqesh­a."

Umongameli wesa Rugby, umark Alexander, uvakalise uchulumanc­o ngokubuya kukarassie. "Kuluvuyo kuthi ukwazisa urassie Erasmus njengomntu oza kuba ngumqeqesh­i oyintloko wespringbo­k. Siqiniseki­le ukuba iqela lesizwe lisezandle­ni ezilungile­yo futhi liza kukwazi ukuphumele­la itumente yehlabathi ityeli lesithathu elandelela­na - leyo yinjongo yethu.

Uduane unamava kakhulu njengomdla­li. ukuba ngumqeqesh­i wamaqela esizwe kuza kunceda abadlalali abasakhula­yo abaza kudlalela Amabhokobh­oko kwixesha elizayo," uvale ngaloo mazwi ualexander wesa Rugby.

 ?? * UMFANEKISO: SPRINGBOKS/FACEBOOK ?? Urassie Erasmus ngumqeqesh­i wespringbo­ks.
* UMFANEKISO: SPRINGBOKS/FACEBOOK Urassie Erasmus ngumqeqesh­i wespringbo­ks.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa