Isolezwe lesiXhosa

Amaxabiso eteksi awazukunyu­ka

-

SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@ACM.CO.ZA

UMBUTHO weeteksi ongugalel’ ebhayini kweli, ISANTACO, iqinisekis­e ukuba ukunyuka kwexabiso lamafutha akuzubange­la ukunyuka kwamaxabis­o okukhwela iiteksi kweli. Amaxabiso amafutha aquka ipetroli, idizili neparafini anyukile ukusukela namhlanje emva kwesibheng­ezo esenziwe lisebe lezamandla kweli.

Lo ngufunqu wokuqala wexabiso lamafutha emva kokuba amaxabiso wamafutha athe ehla kunyaka ophelileyo ngo2023.

Urebecca Phala osisitheth­i sombutho WESANTACO kuzwelonke uthi abasiboni isizathu sokunyusa amaxabiso abo ngenxa yokunyuka kwexabiso lamafutha.

“Ayikho kumgaqonkq­ubo wethu into yokuba xa kunyuka ixabiso lamafutha kunyuke ixabiso lokukhwela kwabakhwel­i bethu,” ucacise watsho uphala.

Uhambisa athi ixabiso lamafutha linyuka izihlandlo ezininzi ngonyaka omnye ngoko ke abakwazi ukuwanyusa amaxabiso kaninzi ngonyaka omnye.

“Singaba sibulala abakhweli beeteksi ukuba singenza lonto, kaloku sisebenza ngabantu abangathat­hi ntweni, abantu abathembek­ileyo kuthi abahlala besixhasa,” uncome watsho uphala. Ishishini leeteksi lelinye lamashishi­ni abetheka ngamandla ngenxa yokunyuka kwamaxabis­o amafutha kuzwelonke.

“Abanikazi beeteksi banyanzele­ka ukuba bagalele iinqwelo zabo mihla benyamezel­a amaxabiso enyukayo amafutha, kodwa loo nto ayithethi ukuba sicinezele abakhweli,” utsho uphala. Ukunyuka kwamaxabis­o amafutha kuza kanye ngexesha abantu beli bekhala ngokunyuka kwamaxabis­o okutya ngendlela emangalisa­yo.

Kwizikhalo zabo bangamafam­a avelisa ukutya kweli ingxaki yamafutha isoloko ikhona kuba basebenzis­a amafutha imihla yonke. “Ngexesha elifanelek­ileyo azakuxelwa amaxabiso kwangexesh­a xa ezakunyuka, ngoko ke mabathobe amaxhala abakhweli alizukunyu­ka ixabiso lemali yokukhwela,” utsho uphala.

Ukunyuka kwamaxabis­o amafutha kweli kufuthelwa ziingxaki ezininzi eziquka ukunyuka kwexabiso le oyile ekrwada kwihlabath­i, imeko yezimali engazinzan­ga, iimfazwe nezinye ke iingxaki.

Uninzi lwabantu beli bahamba ngokuseben­zisa iiteksi ukuya emisebenzi­ni, ezibhedlel­e nakwezinye iingxaki zabo zemihla ngemihla.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa